UMasualle uqhwabela izandla umzi wakwa-VW

INkulumbuso yaseMpuma Koloni uPhumulo Masualle, uThomas Schaefer wakwa-VW, uSekela-Mphathiswa uBulelani Magwanishe kwanoMphathiswa wephondo uSakhumzi Somyo UMFANEKISO: VWSA

INkulumbuso yaseMpuma Koloni uPhumulo Masualle uqhwabele izandla umzi wokwenza izithuthi wakwa-Volkswagen, emva kokuba le nkampani ibhengeze inkxaso yezigidi zeerandi kumashishini asakhasayo akwicandelo lokwenza izixhobo zemoto.

UMasualle ebethetha eTinarha, kwizakhiwo zakwa-VW, ngethuba le nkampani ibisungula ngokusesikweni iPolo yayo entsha kraca.

UMasualle, ephelekwa nguSekela-Mphathiswa wezoRhwebo noShishino uBulelani Magwanishe kwanoMphathiswa woPhuhliso lwezoQoqosho ephondweni uSakhumzi Somyo, bebeyinxalenye nomsitho wokusungulwa kwale Polo intsha eTinarha ngoLwesine wale veki.

“Ishishini lokuxonkxa izithuthi lelinye lamashishini azintsika zoqoqosho lwephondo lwethu, kwaye sikholelwa ukuba xa eli shishini – kuquka namanye afana noqoqosho lweelwandle, ezolimo nezamandla – linganikwa ingqalelo, lingakhulisa ingingqi yethu kwanelizwe liphela,” utshilo uMasualle.

UMasualle uthi isibhengezo sabakwa-VW, semali ekwizigidi ezikumashumi asibhozo anesithandathu (R86 million) nebekelwe bucala ukuphuhlisa amashishini asakhasayo akwicandelo lokwenza nokuthutha izixhobo zemoto, linyathelo elibonakalisa ukuba le nkampani iyaziqonda iinzingo ezijongene noqoqosho lweli lizwe.

UMlawuli kwanoSihlalo wakwa-VW eMzantsi Afrika uThomas Schaefer, uthi le nkampani iyalithakazelela inyathelo likarhulumente lokuyila inkqubo ejolise ekuphuhliseni ishishini leemoto ebizwa njengeMotor Industry Development Programme (MIDP).

“Le nkqubo ibangele ukuba sizithembe futhi ikwabangele uzinzo [kwishishini lethu],” utshilo uSchaefer.

USchaefer uthi ishishini leemoto eMzantsi Afrika lixhamlisa ingeniso yesizwe (GDP) malunga ne-7.4 yeepesenti kwaye liqeshe abantu abakwikhulu elineshumi elinesithathu lamawaka (113 000).