INKULUMBUSO yaseMpuma Koloni uPhumulo Masualle uxelele uluntu lwelali iMonti eMbizana ukuba xa beneengxaki mabathethe norhulumente, bayeke ukonakalisa izinto.
UMasualle uphehlele ngokusesikweni izolo iphulo * -Operation Masiphathisane. Injongo yeli phulo kukusombulula umba wemicelimngeni yokuhanjiswa kwenkonzo zikarhulumente.
I-Operation Masiphathisane, izakumanyanisa abahlali, oosomashishini kwakunye namasebe karhulumente, ize nezicwangciso, nokujonga iinkonzo zikarhulumente ngendlela eziza ngayo.
Isithethi kurhulumente wephondo uSizwe Kupelo uthi, kwiwadi newadi koomasipala kuzakuabkho indlu (war room) apho uluntu luzakuba nethuba lokuthetha namagosa karhulumente.
Izindululo zokuphehlelelwa kweli phulo ziza emva kokuba inkulumbuso bhengeze ngethuba isenza intetho yobume besizwe ukuba kuza kuphe-hlelelwa iindawo ezizakuba luncedo kuluntu.
iMamelodi Sundowns inyathele iMpheni Defenders emdlalweni weNedbank Cup