UMasualle uvula indlu yeeNkosi

uNkosana Dabulingwe Nzima wamaQwathi eNgcobo.

INKULUMBUSO yephondo leMpuma Koloni uPhumulo Masualle, uzakuba evula ngokusesikweni ngomso, uLwesihlanu, indlu yeeNkosi eBhisho.

 Le nkulumbuso izakwenza oku iphelekwa ngumphathiswa wesebe lentsebenziswano kurhulumente kunye nemicimbi yemveli uFikile Xasa. IiKumkani, iiNkosi, neeNkosana eziphuma mbombo zone zeMpuma Koloni, kulindeleke ukuba zibe yinxalenye yalo msitho. 

IiNkosi ezahlukeneyo zivakalisa ezikulindeleyo kule ntetho. Kungekudala le ndlu kulindeleke ukuba ityumbe isikhokelo esitsha sephondo leMpuma Koloni ngokunyanzelwa ngumthetho iTraditional Leadership Act. 

IiNkosi namakhosikazi akomkhulu ahombisa lo mhla ngesinxibo sakwaNtu ngelizama ukuzikhumbuza emva. 

 

Nkosana Dabulingwe Nzima wamaQwathi

 

“Sisisizwe samaQwathi apha eNgcobo sinqwenela ukuba inkulumbuso xa ithetha isebenzise eli thuba ukukhuthaza ukubuyiswa kwesidima seeNkosi. 

IiNkosi ezi mayibe ngabantu abahlonitshwayo kuba zinkokheli ngokuzalwa azivotelwa, zazalwa, zadalwa nguQamata umdali weZulu nomhlaba.

Ooceba nabo kumele ukuba banike imbeko kwiiNkosi kungabikho kutsalana ngomsebenzi owenziwa ngenjongo zokuphuhlisa uluntu.

Asinakulibala ukwenza elombulelo kuNkosi Ngangomhlaba Matanzima ngomsebenzi awenzileyo ngethuba engusihlalo wala ndlu kuyo yonke le minyaka. Usebenzile yena kakhulu kodwa indima isenkulu ekumele ukuba yenziwa ukubuyisa isidima samasiko nezithethe zethu, yanga uMdali angamgcina amnike iintsuku ezininzi empilweni yakhe. Kuye sithi maz’enethole!

 

Nkosi Mzikayise Kawulela

 

Xa kuvulwa indlu yeeNkosi silindele ukuba uMphathiswa aqwalasele umcimbi wokumiselwa kweTraditional Councils, noko lide ithuba singabantwana begazi silindile kulo mcimbi. Umcimbi weSpluma nawo sinqwenela ukuba  uqosheliswe ngokusemthethweni, kudala uqhuba noko.

Ukukhawuleziswa kwamabango omhlaba ngomnye umcimbi ekumele ukuba ezi nkokheli zithethe ngokucacileyo ngawo. Kusihlalo weNdlu yeeNkosi ephondweni uNkosi Ngangomhlaba ndingathi kuye, siyamkhulula, ahambe aye kuphumla uMadiba uyidlalile indima yakhe ngokucacileyo, usishiya noko ekrwele umzila ocace okomva webhokhwe. UNkosi uKawulela ukwilali zaseNgqushwa.