UMatanzima uzakubeka phantsi njengosihlalo weNdlu yeeNkosi

UNkosi Ngangomhlaba Matanzima uyazibeka iintambo kunyak’ ozayo njengosihlalo weNdlu yeeNkosi yaseMpuma Koloni (Eastern Cape House of Traditional Leaders).

UMatanzima, owazalwa ngo1943, uxelele iphephandaba I’solezwe ukuba akazukulungenela kwakhona ugqatso lokuba ngusihlalo wale Ndlu.

Unyaka ka2017 izakuba ngunyaka wokuphelelwa kwexesha lamalungu aleNdlu. Ixesha labo ibayiminyaka emihlanu rhoqo, kwaye ngo2017 uMatanzima uzakuba egqiba iminyaka elishumi elinesihlanu njengosihlalo weNdlu yeeNkosi yephondo nanjengoko eqale ukuba kulawulo ukusukela ngonyaka ka2002.

Uthi nokuba angacelwa ngabantwana begazi ukuba angenele ugqatso ngo2017 sokuze avume. “Nditsho sele besitsho sokuze ndivume, lixesha lokuba kulingwe nabanye abantu,” utshilo uMatanzima.

“Andinakulunga tu ukuphinda ndingenele kuba sele ndikhulile, namandla ayaphela,” uqhube watsho.

Uthi uyazingca ngemisebenzi ayenzele iinkosi zaseMpuma Koloni. “Ndathatha ulawulo ngo2002, oomabhalane benqila zeenkosi bengahlawulwa ngurhulumente. Ngoku oomabhalane abakwikhulu elinamashumi asibhozo (180) bahlawulwa ngurhulumente.

“Futhi ukuthatha kwam njengosihlalo oosibonda babehlawulwa imali engange-R2 700 ngenyanga kodwa ngoku bahlawulwa ngaphaya kwamawaka asixhenxe eerandi (R7 000) ngenyanga.

“Iingxoxo endandinazo norhulumente zabangela ukuba ngonyaka ka2003 kuqalwe ukunikwa iikumkani zakowethu iimoto zokusebenza, zanikwa neefowuni ezikhatshwa ngumoya wokutsala umnxeba (airtime). Iikumkani zakowethu zikwanawo namagosa azincedisayo kumsebenzi omkhulu eziwenzayo.

“Sikwanaso nesakhiwo seNdlu yeeNkosi eMpuma Koloni esihle kunene esinamagosa aphaya kumashumi amabini anesixhenxe. Alikho elinye iphondo elineNdlu yalo yokusebenza ekumgangatho ofana nale yethu,” utshilo uMatanzima.

INdlu yeeNkosi yephondo exabisa izigidi zeerandi ezikumashumi asibhozo (R80 million), yavulwa ngokusesikweni ngenyanga yoKwindla ngonyaka ka2010.

Unobhala wombutho weenkosi iContralesa kuzwelonke uNkosi Xolile Ndevu uthi wenze umsebenzi oncomekayo uMatanzima.

“Sokuze siwulibale umzila awudlalileyo wokudibanisa iinkosi norhulumente. Indima ayidlale kumba wolwaluko iyancomeka kakhulu. Yinkokeli enenyaniso ekholelwa ukuba ukuze kulunge, izinto kufuneka zenziwe ngendlela elungileyo nekholisa wonke ubani ochaphazelekayo,” utshilo uNdevu.

Kusenjalo iNdlu yeeNkosi yaseMpuma Koloni, eqale ukusebenza phambi kokuba nesakhiwo esisesayo, kulindeleke ukuba yenzelwe itheko lombhiyozo ngenyanga yoMdumba wonyaka ozayo.