Owaqala ukukhokela ikwayala eseneminyaka elula kakhulu, uMelikhaya May, namhlanje sele ezingca ngokubanamacwecwe athi yena, kwaye sele efumene neembasa.
UMay, 32, noyimvumi yomculo wokholo uqale ukucula eneminyaka eyi (12), futhi kulo minyakana wabe sele ekhokela nekwayala yecawe yakowabo nawakhulela kuyo, iSt Johns Apostolic Faith Mission.
Le nzalelwane yaseCala nekwangumnikazi weKhupuka May Holdings, nekhulele eBhongolethu eLadyFrere, zange iphelele ukukhokela kowabo qha, waphumela nangaphandle wazenzela igama esemncinci kuba wayeculisa nasesikolweni awayefunda kuso, eNtsonkotha S.SS eLady Frere. Ngoku uMay ukhonza eAssemblys of God nalapho asazigqamisa ngelizwi lakhe.
Sithetha nje uMay, ushicilele icwecwe lakhe lesibini elithi ‘Yangena Intlahla’ enengoma eziyi-12 ngaphakathi, nelindeleke ukuba iphume engaphelanga u2024. UMay usakhuphe i-single ethi ‘La ngiyakhona’ kweli cwecwe lakhe nayikhuphe ngenyanga kaJuni kulo nyaka.
Kule minyaka anayo esemculweni sele efumene iimbasa ezintathu (3), ngo-2019 wafumana eye-Song of the year ngengoma yakhe ethi ‘Ebekhona uThixo’ ewongwa yiEastern Cape Music Award, ngo-2022 wafumana eyeBest Worship Song eyinikwa yiNational Amaciko Music Award. Eyesithathu wayifumana ngo-2023 eyeBest Male Artist ngengoma ethi Bayethe, nayo ewongwa yiAmaciko.
Kumakhasi onxibelelwano afana noFacebook, Tik tok no-Instagram uyafumaneka uMay.
Icwecwe lokuqala walishicilela ngo-2019 ukuqala khwakhe ukuzimisela emculweni, enezinye zengoma ezaziwayo efana noBayethe nawaphumelela ngayo eqala.
Lumka Oliphant: ‘Yekani utywala’