Umbala onkawu

Umbandela wokubizwa kwabantu abasikhumba sikhanya ngokugqithisileyo useza kuba yingxubakaxaka de kuziwe kwiqonga leengxoxo ngabo bonke abachaphazelekayo.

Lo mba usoloko uxabanisa kuba awuchotshelwa ngokufanelekileyo. Ndiwukhunjuzwa kuba uke wachukunyiswa ke kwiveki ephelileyo kumajelo ezosasazo, nalapho buphinde bavela obu buqhitala.

Ingxaki yokuqala idalwa ngamaqumrhu nabantu abathwaliswe uxanduva lokukhusela amalungelo oluntu nokunqanda iindidi zempatho-gadalala nokuxhatshazwa. Aba bantu namaqumrhu basoloko bewujonga ngeliso elinye nawuphi na umcimbi abathi bawuphathe. Basoloko besingise ekukhonzeni okukwabo kuphela, bezibetha ngoyabo zonke izinto ezingezinye ezichaphazela oko bakuphetheyo.

Ingxaki yesibini ngoosozolwimi abohlulakalayo ukuziqoqa baququzelele ukuconjululwa kwemicimbi yabo emsonto umfikimfiki.

Iingcali zolwimi zisoloko zigxile ekugcinweni kolwimi lungena sibhidi. Ziyala ukwamkela nayiphi na into ekhangeleka ngathi iza kulugxobha iluqunge ulwimi, kubandakanya ukusetyenziswa kweelwimi zeengingqi neziyelelane.

Azikunanzi ukuqwalasela imicimbi emitsha evelayo ngokokuhamba kwamaxesha neenguqu ezidalwa zezopolitiko, zifuna ukugcina izinto zinjengoko zazinjalo emvelini yazo.

Ukuba nesikhumba esinkawu asinto ifikayo, kudala yabakhona. Okutsha ngayo kukuqondwa kobuculukubhede obuyingqongileyo, kubandakanya unobangela, izidingo neenkolelo zabantu. Konke okunye okudala esi sankxwe kutshanje yipolitiki ebizisa abantu ngeenkawu nangeemfene.

Iingcali zolwimi kwakunye namaqumrhu alwela amalungelo nezidingo zabantu abasikhumba sikhanya ngokugqithisileyo bamele kuyibekela bucala ipolitiki, bachophele ngobulali ukungahlali kakuhle kokubizwa kwaba bantu ngebala labo. Akusithelanga kona ukuba imveli yegama lombala onkawu isukela kwasezinkawuni apho, kodwa okugwenxa kukuthi nabantu abo bambala unkawu ziinkawu – ABAZONKAWU.

Umbala wona ngokunokwawo awumele kuba yingxaki, njengayo yonke imibala. Kananjalo ke, nabantu aba basenokungabizwa ngawo xa oko kungahlali kamnandi kubo, kodwa wona umbala awunakuze ulahlwe ngenxa yaloo nto.

Abanye abantu bakhetha ukuthi ‘babunkawu’ kuba bezama ukuhlangabezana nale meko. Ukuthi ‘BABUNKAWU’ kokona kungalunganga, kuba ke akekho umntu obunkawu, inkawu yahluke kakhulu emntwini.

abantu xa bechazwa ngokwemibala kuthiwa bantsundu, basomi, bagwangqa, balawu, bankawu, balungu.

Ingxaki ke kule mibala neyiyeyona nto ibhidisayo ekuqondweni kwayo kukuba yayanyaniswa nohlanga xa kusingiswe ebantwini, nangona kungenjalo nje xa kuthethwa ngezilwanyana.

Umzekelo, mna ndintsundu ngokombala wohlanga, kodwa umbala wolusu lwam ugwangqa okanye ulawu. Ukubalawu kwam akundenzi uhlanga olwayanyaniswa nalo mbala, ndihlala ndingowesizwe esintsundu. Bakhona nabohlanga lwamalawu abantsundu, bambi bade babesomi, kodwa abayeki ukuba ngabohlanga lwamalawu. Nawuphi na ke umntu usenokuba nomnye wale mibala, enokuba akalohlanga layanyaniswa nombala lowo na.

Nasezilwanyaneni nakwimfuyo sinayo le mibala xa iyonke, kubandakanya nalo unkawu. Xa ubona ingonyama enkawu akukho mntu uke ayiphazamise nenkawu, nekuthiwa uligeza lentaba uye ayazi ukuba yingonyama.

Kuvela apha ekulahlekweni kwabantu yimicimbi nasekungahoyini ukuthi umntu osikhumba sinkawu yinkawu. Kunqwa nokuthi umntu sisifombo endaweni yokuthi unesifombo, ukhohlwe ukuba isifombo lugobo-mqolo hayi uqobo lomntu. NasesiNgesini, abantu akuthiwa zii-albino, kuthiwa bane-albinism (ukuba sisiNgesi ke phofu eso).

Bonke abachaphazelekayo ke ngoko, ingakumbi abamele amalungelo abantu, mabaququzelele inkomfa kuxoxwe lo umba ngesidima, ngaphezu kokube kuxhwithwana ngawo esithubeni.

Ndigxininisa kwaba bamalungelo ukuba ibe ngabo abaququzelel le ngqungquthela, ngoba banako, izixhobo banazo.

Lo mba awusoze ugwetywe ngobulungisa naziinkundla zamatyala, zingasuka zisebenzise ubugqwetha ngaphezu kokuwugrombokonca neengcambu, kusale kuseseluhayeni ke. Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba.