UMbalula ubaleka itolo lentshuntshe

Umphosi wentshuntshe wakweli uSunette Vijoen, okwidabi lemali yebhonase eyayithenjiswe ngumphathiswa wezemidlalo uFikile Mbalula
“Ningandigxeka kuba ndikhetha ukukhala kulo mnatha wonxibelelwano, kodwa ayikho enye into endinokuyenza. Kuzakuchithwa izigidi zeerandi kumawonga ezemidlalo” – kutsho uSunette Viljoen kuTwitter namhlanje. 

Oka Sunette ngumphosi wentshuntshe wakweli owayithenjiswe iR70 000 ngumphathiswa wezemidlalo, uFikile Mbalula, emva kokuphumelela imbasa yesiliveri kwimidlalo yeOlimpiki kulo nyaka.

Emva kokubona izikhalo zikaViljoen kumnatha wonxibelelwano, uMbalula ubhale wenjenje kuTwitter wakhe:

“[u] @Sunetteviljoen ngoyena mdlali unekratshi nongenambulelo endakhe ndadibana naye.”

Kuphinde kwathi qethe nencoko kaMbalula noViljoen kaWhatsapp nalapho uSunette wabhala wenjenje:

Mphathiswa Fikile, Ndiyathemba usempilweni. Bendicela ukubuza ngesihle ukuba ndizakuyifumana nini iR70 000 yam yaseRio. Ndiyathemba ungandinceda. Ndiyidinga nyani le mali. Enkosi kakhulu. Ulonwabele usuku lwakho. Isuka kuSunette Viljoen.”

Impendulo kampathiswa yaba ngu: “Wawuthe awuyifune, ngoko ke mna ndilandela iminqweno yakho”

Oku kudale iingxoxo-mpikiswano phakathi kwabalandeli besi sibini bambi begxeka umphathiswa kanobom ngokungasifezekisi isithembiso sakhe. 

Abanye bakwakhwela emagxeni kaViljoen ngelithi noko bekungamelanga ukuba uye wayokukhala esidlangalaleni kumnatha wonxibelelwano ngomba onje.

Basaqhuba kuTwitter, uMbalula ungu @MbalulaFikile pha ize uViljoen abe ngu @Sunette_Viljoen pha.