UMbalula ufuna babekwe ityala lokubulala abachaphazeleka kwingozi yakuCentane

Ikhutshiwe ingxelo yophando malunga nengozi yebhasi yakuCentane UMFANEKISO: BHEKI RADEBE

UMPHATHISWA wezoThutho kuzwelonke uFikile Mbalula uthi bafuna bonke abo bachaphazelekayo kwingxelo yophando malunga nengozi yebhasi yakuCentane eyasuba imiphefumlo engaphaya kwamashumi amabini, babekwe ityala lokubulala endaweni yelo lokubulala ngokungenanjongo.


Kwababhubhayo, kule bhasi yayisuka eChebe kuCentane isiya eGcuwa, kuquka umqhubi kwanonkosikazi wakhe.

NgoLwesihlanu, uMbalula uphumele elubala ngale ngxelo yale ngozi eyathi yasuba imiphefumlo yabantu abangamashumi amabini anesithandathu ngethuba le bhasi iphequka ngakwisawana saseQolweni eNxaxhu kuCentane ngomhla wesibini kweyoKwindla.

UMbalula uthi abantu abebekhwele kula bhasi bebengamashumi alithoba anesibhozo (98), kwibhasi efanele ukuba ikhwelisa abantu abangamashumi amathandathu anesihlanu (65) abahleli phantsi kwaneshumi elinesine (14) elime ngeenyawo.

Oku kuthetha ukuba le bhasi ibifanele ukuba ikhwelisa amashumi asixhenxe anesithoba (79).

UMbalula ukwathe le bhasi yaqala ukukhalala indlela emva kokudlula (overtake) imoto encinane.

“Indlela siyifumanise ukuba yayingekho kwimeko embi. Uphando lufumanise ukuba iimpepha zokulungela umgaqo kwale bhasi zaphelelwa kweyoMnga 2019. 

Kwakhona, iphepha lerhafu (disc) lale bhasi beliphelelwe into ethi bekungafanelekanga ukuba isendleleni,” utshilo uMbalula.

Kwimbalelwano, emva kwale ngozi, inkampani yebhasi yakwa-AB350 yabalula ukuba iindlela zasezilalini azintlanga.