Ukuqala ngomhla wokuqala kweyoKwindla ka2023, zonke iiakhawunti ezineentlawulo ezigqithileyo kwisithuba seentsuku ezingama30 ziya kuthintelwa ekuthengeni umbane nguMasipala oMbaxa waseBuffalo City.
Lo nguMgaqonkqubo woLawulo lweTyala ngokungqinelana neCandelo lama96(b) kuRhulumente weNgingqi: uMthetho weeNkqubo zikaMasipala, onguNombolo 32 ka2000.
Umasipala uvumelekile ukuba anyanzelise uthintelo oluqingqiweyo ekuthengeni umbane phantsi kwemilinganiselo yomgaqonkqubo ng80% yesixamali ebekiweyo eya kwiakhawunti yomthengi osemva.
Oku akusebenzi ukuba iakhawunti ihlawulwe yonke ngomhla obekiweyo kwisiteyitimenti sikamasipala senyanga okanye ngaphambili, kwaye ayisebenzi kubathengi abachazwa njengabangathathi ntweni.
Ngenxa yoko, umasipala uya kusebenzisa kuphela uthintelo oluyinxenye lwe80/20 xa umntu ethenga umbane emva kokudlula ixesha elingaphezu kweentsuku ezingama30.
Lo masipala uyicacise le nto kumakhasi onxibelelwano esithi: “Umzekelo wenkqubo ka80/20 uthetha ukuba xa umsebenzisi esemva ngetyala aze athenge umbane ngeR100, uza kufumana umbane olingana neR20, ukanti umasipala uya kuyigcina intsalela ukuze ihlawule ityala. Inzuzo yoku kukuba abathengi abasayi kuphinda bavalelwe ekuthengeni umbane xa benetyala leentsuku ezingama60.”
Umasipala uye wayichaza into yokuba abo banee-akhawunti zabo ezingabhatalwanga ngaphaya kweentsuku ezili-120, kusazakusetyenziswa ukuvalelwa ngokupheleleyo epalini.
UMlawuli weNersa noMlawuli wezaMandla weli lizwe, wamkele ukonyuka kwamazinga ombane nge18.65% ngowama2023 kunye ne12.74% kunyaka olandelayo ekuqaleni konyaka.
INersa ithi imicelimngeni yeemeko zoqoqosho, eziquka izinga eliphezulu lenzala, ukukhula okucothayo, intswelangqesho ephezulu kunye nokucinywa kombane, ibiziimeko ekwenziwe ngazo isigqibo.
Ngomhla wokuqala kweyeKhala 2023, la maxabiso ombane kulindeleke ukuba aqalise ukusebenza. Abahlali baseBuffalo City kudala bekhala ngexabiso letyala lombane, logama abanye bekhalazela iiyunithi eziphantsi zombane.
Umhlali waseBCM uNontombi Thunywashe uthi ufumene iakhawunti kanina owaswelekayo apho umasipala ebeyithatha le akhawunti njengeakhawunti yekhaya elingathathi ntweni.
Uthi ngo2020 emva kokufumana unxibelelwano oluvela eBCM, waya kubuzisa wavakalisa inkxalabo yakhe, ecacisa ukuba eyona nto ingenisa imali kusapho lwakhe yinkxasomali yesondlo sikadadewabo omncinci. Uthi emva kokuba ebaxelele ukuba angafikelela kwiR100 kuphela ngenyanga, bamxelela ukuba akakwazi ukwenza oko kuba sele efumana inkxasomali.
“Ngokukhawuleza ukuya kweyoMdumba 2023, ndathi ndathenga umbane ndafumanisa ukuba ngeR50, ndifumana umbane olingana neR20 kuphela,” uThunywashe uye wayichaza imeko yakhe.
Uqhube wathi isebe labangathathi ntweni kwii-ofisi liphonononge imbali yakhe yokuhlawula kwaye lafumanisa ukuba ufumene imirhumo ephindiweyo yenkunkuma. Uthi i-imeyile ithunyelwe ukusombulula ingxaki ngeakhawunti yakhe, kodwa ayikalungiswa okwangoku.
USamkelo Ngwenya, othethela iBCM, kuye kwaqhagamshelwana naye ukuba aphendule; nangona kunjalo, akazange aphendule kwangethuba de ibali lashicilelwa.
Impondo Elisha lonwabisa ngomculo walo eGqobhasi kuloMgqibelo