Umbane woyiswa ngumbane!

Engqondweni yam kusankenteza imiyiyizelo, ukutyibela nezincomo ezazisenziwa ngamadoda, amanina, umlisela nomthinjana ontsundu mhla kuchazwa ngomnyaka ka1994 ukuba ilizwe loMzantsi Afrika liza kulawulwa ngurhulumente ovotelwe sisininzi.

Le migcobo yayikhuthazwa kukuba ngaphaya kwekhulu leminyaka, eli lizwe belilawulwa ngurhulumente wendluzula owayetshila ngengcinezelo esekelezelwe kwiinqobo zobuhlanga nokubulala isidima somntu ontsundu kuphele kuthi nya ngaye.

Eneneni ke uthe wakungena esihlalweni urhulumente wesininzi oquka imibutho ngemibutho, kukwakho nemibutho enamalungu amaninzi antsundu okokuqala kwimbali yoMzantsi Afrika, ithemba laba likhulu kumzi ontsundu ngokubanzi. Intetho yamaciko ke ilumkisa ngelithi: “Igugu lingaba likhulu, umbombo uyaqhosha!” Oku kuthetha ukuba umntu kumele aqiniseke ngempumelelo yento, phambi kokuba agcobe okanye avuye ngayo. Phakathi kwezinto ezazithenjiswa ziinkokheli zemibutho ngemibutho eyayinxanelwe ukuvotelwa ngabemi beli lizwe, kukunikezwa kweenkonzo zasimahla okanye zexabiso eliphantsi ezifana nemfundo, unyango, amanzi, iindlela nombane.

Lithe lakuphuma ilizwi kwezo nkokheli lichaza ngombane oza kufakwa kwiindawo zonke zezwe lakowethu, kuquka nasezilalini, ezilokishini nakwiindawo ezingamaplasi emaphandleni, umntu wonke wakhahlela, encoma de waqhwaba nezandla.

Ewe ke singalikhupha litsole elokuba kwizinto ezininzi abantu abathenjiswa ngazo kwisithuba seminyaka engaphaya kwamashumi amahlanu edlulileyo, kukhangeleka ngathi babebethwa ngemfe iphindiwe.

Isizathu sale ngcamango ingokuqhathwa kwabantu, kukuba ziseliqela iindawo kweli lizwe ezingenazindlela zisemgangathweni, iinkonzo zonyango ezifumaneka kwimigama engaphaya kweekhilometha ezingama30, imfundo yabantwana abantsundu efumaneka kumagumbi aneembobo ezingena amanzi nomoya, bambi kubo bafundele phantsi kwemithi, kunjalo nje isengumntwana ontsundu kuphela onelishwa lokuzuza imfundo elolu hlobo, hayi ezinye izizwe, zizwe ezo kusakhangeleka ngathi zathamsanqeleka kwasesizalweni.

Eyona nto indisusileyo kweli nqaku phakathi kwezi ndizidandalazisa ngentla apha, yimeko yombane onikwa uluntu loMzantsi Afrika.

Okokuqala, ndifuna ukuhlomla ngendlela owahluka ngayo lo mbane, nangona bekumele ukuba uyafana kuba ngowelizwe elinye.

Rhoqo ndigoduka ndisiya ekhaya kwilali yaseKhubusi eCumakala, naxa ndityelele kwiilali zasemaMpondweni ezifana neHluleka; iMpande, uMngazana neSicambeni, ndiye kuqhina kwezo zaseHewu zifana neHukuwa neMchewula, akukho nto indikhathaza ukogqitha eyokuba buthathaka kombane wezo lali.

Kuthi kwakududuma kugqekreze imibane, suka umbane wezi lali ndihlala ndizityelela ucime pam, kangangokuba uthathe neeyure eziyileyo kwisithathu ucimile.

Uthi wakucima lo mbane ufumanise ukuba neefoni ezi zembala ziye zingabi naqhagamshelwano lakusebenza, nazo zife zifane nombane ofileyo.

Khanindityebisele apha kuba imeko yenzululwazi nobugocigoci bemozulu andinalwazi ngazo: Yenzeka njani into yokuba umbane woyiswe uze ucinywe kwangumbane? Okwesibini, lo mbane uhamba neendudumo ngokwemozulu, kutheni ungenawo amandla okuwucima umbane kagesi wasezidolophini nakwiilokishi ezisondele ezidolophini? Lo mkhwa kutheni usenzeka ezilalini kuphela? Ingaba ivoti yabahlali basezilalini ayinaxabiso lilinganayo nelevoti yomhlali wasedolophini? Ziqhathelwa ntoni iilali ngokwenkonzo zoluntu ezifana nombane? Okwesibini, ukuba umntu uyaqwalasela kwaye uyihlalutya kakuhle imeko yokusebenza kombane phakathi kwentlalo yasezidolophini nale yasemaphandleni okanye ezilalini, ufumanisa ukuba owona mbane mninzi usetyenziswa ezidolophini nasezilokishini kunasezilalini. Umzekelo, uninzi lwabantu basezilalini baphekela phandle besonga kwalo mbane.

Nanjengoko bebaninzi abantu basezidolophini, oku kubangela nokungaphangeli kwabantu abaninzi, baphele behlala emakhaya besebenzisa umbane.

Kwelinye icala, umntu omninzi osebenzisa izixhobo ezitya umbane ezifana nesikhenkcezisi; iayini; umabonakude; iiselulafoni; iikhompyutha; izitovu; nezinye izixhobo zokusebenza ezifana noomatshini bokucheba ingca; ukupheka; kwanemizimveliso esebenzisa umbane omninzi isezidolophini.

Bambalwa abantu basezilalini abasebenzisa izixhobo ezininzi ezitya umbane, kwaye uninzi ngabo bangaphangeliyo, basezintsimini kuyalinywa okanye kuyahlakulwa, bambi baye kutheza emahlathini nasematyholweni, ukuze abanye babe semadlelweni besalusa imfuyo. Bekwezo ndawo nje abasebenzisi mbane tu kwaphela.

Ukuba ngenene kunjalo, sizathu sini esibangela ukuba abahlali basezilalini bacinyelwe umbane ngokulinganayo nabo basezidolophini? Ukuba bendingumphathi weziko lombane, bendiya kukhupha umthetho othi iilali mazingawucinyelwa tu umbane!