IMNIKA idyudyu nakoomasipala iEFF usomlomo wePalamente yeli, nokwangusihlalo weANC uBaleka Mbete.
UMbete ebeyinxalenye yomkhankaso weANC eBhayi, kwilokishi iFrance eKwazakhele ngentsasa yayizolo, apho abuze ngomgqatswa kasodolophu weEFF kuMasipala iNelson Mandela Bay.
Ubuze ehleba kumhlali wale lokishi uMbongeni Mdolomba ngethuba bengene emkhukhwini ahlala kuwo okaMdolomba.
UMbete negqiza lakhe bafike uMdolomba evutha ngumsindo egxeka imibutho yezopolitiko etyelela iilokishi kuphela xa igaya inkxaso, ilibale ngoluntu emva kokuphumelela unyulo.
Uthe, uneminyaka engamashumi amabini anesibini ehlala emkhukhwini, elindele ukwakhelwa indlu.
Uphendulwe ngusekela sodolophu waseBhayi uBicks Ndoni, othembise ukuba imali ebalelwa kwikhulu elinamashumi amahlanu lezigidi ebekelwe bucala ngenjongo yokuphucula iinkonzo ezifana nombane kwezi lokishi.
Ethetha nentatheli yakwa-Independent Newspapers emva koko uMbete uthe, ebenomdla nje wokwazi, kungekho nto iyenye.
Ukususela oko yathi yangumbutho ophikisayo ePalamente iEFF, ayimniki kuphumla uMbete, xa ihleli le ndlu yowiso mthetho.
UMbete uthe uqinisekile ngempumelelo yeANC eBhayi, nangona uphando lwabucala libonakalisa iDA inqenqeza phambili kulo masipala.
isibhalo@inl.co.za
UMzantsi Afrika uza kongamela iG20: Kuthetha ntoni oko?