IMBONI, igqirha, inkcubabuchopho nethandazwe. Le yindlela uLoyiso Nqevu, weNkolo kaNtu, amchaze ngaye umhlobo wakhe uNicholas Tilana Gcaleka (69) ngethuba engcwatywa eTeko Kona kuCentane kuMgqibelo esiwushiya ngasemva.
Umngcwabo kaGcaleka, obhubhele kwisibhedlele saseMonti emva kokugutyungelwa ngumhlaza wedlala lobudoda, ubuzinyaswe ngamakhulukhulu oluntu abebequka amagqirha, abathandazeli, izifundiswa, oosomashishini kwanabakwaLizwi ngokubanzi.
UNqevu, isisele senyathi kukholo lwemveli, uthi uMbhambatho (igama aziwa ngalo lo mfo kaGcaleka) ibingumhlobo wakhe osenyongweni.
“Ndizokungcwaba umhlobo wam obeyinkcubabuchopho eqamele ngolwazi lwemveli. Ebeligqirha elipasileyo lade lakhupha namanye. Ebeyimboni egqibeleleyo uMbhambatho,” utshilo uNqevu.
Kwankqu noonyana bakaMbhambatho bamchaze uyise njengenkcubabuchopho.
USivuyile Mbhambatho uthi uyise ebesoloko ekhuthaza inkqubela. “Utata ebengayifuni le nto yethu yokurenta iindawo zokuhlala, ebefuna sithenge izindlu. Ebesithi ufuna sihambe ngeeMercedes Benz, kodwa singakhwelisi amankazana,” kutsho uSivuyile.
UGcaleka waduma kakhulu ngonyaka ka1996 ngethuba ethatha uhambo oluya eBhritane esithi amanyange akubo avele ngephupha esithi makayokulanda intloko yeKumkani yamaXhosa uHintsa kaKhawuta owabhubhela kumlambo iNqabara kuGatyana ngo1835 emva kokugetyengwa ngumkhosi wamaNgesi.
Emva kokubulawa kwakhe uHintsa, intloko yakhe yathathwa yasiwa eBhritane njengegugu lokuba abulewe amaXhosa.
“Utata waya eScotland eyokulanda intloko kaHintsa awayeyiboniswe emaphupheni. Ukubuya kwakhe wenziwa intlekisa nesenyeliso ebizwa ngamagama. Ulwazi lwakhe lwemveli lwajikwa lwafakwa kuvavanyo lwaseNtshona,” utshilo uSivuyile.
USivuyile uthi utata wakhe ebesoloko ekholelwa ukuba imimoya kaHintsa ikulantloko wayeze nayo. Le ntloko yoxuthwa koMkhulu eNqadu yayokuvavanywa eKapa apho iziphumo zabuya zisithi yintloko yomlungukazi waseYurophu.
Yena uSandile Tilana, omnye woonyana bakaMbhambatho, uthi uyise ebeyinkcubabuchopho ethanda indoda ekwaziyo ukuzisebenzela.
“Ebesithi xa ndimfowunela umve esithi ‘molo Sandile ongenamfazi’. Besihlala ngokuhleka nokwakhana notata. Ebemthanda umntu ozisebenzelayo,” utshilo uSandile.
Ngonyaka ka1986, lo mfo kaGcaleka kuthwa waba ngunobangela wokuba kuye uGeorge Matanzima, owayeyiNkulumbuso yephandle elalisaya kwaziwa njengeTranskei, kwisikolo saseTeko Kona eyokuzimasa itheko lokunikezwa kwezixhobo zeemajorethi ezazithengwe nguMbhambatho. Phumla ngoxolo Tshawe!
Kubanjwe abarhanelwa abangama84 kwisithili saseSarah Baartman