UMbhashe usebenza kwisicwangciso sika2025

Usodolophu waseMbhashe uSamkelo Janda

USODOLOPHU waseMbhashe uSamkelo Janda uthi lo masipala usebenza kwisicwangciso sokuba ngo2025 ibengumasipala otshatsheleyo kumba wokusiwa kweenkonzo eluntwini.

Ethetha eKing Hintsa TVET College eDutywa kwiveki ephelileyo kumsitho wokuqaphela iintsuku ezilikhulu engenile esihlalweni, uJanda uthe ukuthethana neziphathimandla zalo masipala ngoyena ndoqo kuphuhliso lale ndawo.

Lo msitho ubuzinyaswe nangoosomashishini abaquka uMthetheli Ngumbela kwanoGcobani Livingstone Nogoduka. Obesakuba nguSodolophu waseMbhashe uNonceba Olga Mfecane ebewuzimasile naye lo msitho.

UJanda uthi bakwaqaphele ukuba icandelo lezolimo nofuyo eMbhashe lelona linamandla wokutshintsha imeko yezoqoqosho kule ndawo.

“Siza kuthi gqolo ukuwaxhasa amafama kuba ngokwenza njalo sakube sincedisa ekukhuselweni kwentlalo yoluntu,” utshilo uJanda.

UJanda ukwathe lo masipala uyazidla ngamahashe amabini aseDutywa – uAndazi waseTyekelebende kwanoMhlabangulo waseTaleni. La mahashe mabini aphumelele iR50 000, ihashe ngalinye, kumdyarho iBerlin November obubanjwe kwinyanga ephelileyo.

U-Andazi ebebaleka kwibakala lamahashe esilungu logama uMhlabangulo ebebaleka kwibakala lawesiXhosa. “Siyayibulela indlela la mahashe nabanini bawo abathe baliphakamisa ngalo igama lomasipala wethu.

Siza kuyibamba indibano nabanini bala mahashe sibone ukuba singancedisana njani,” utshilo uJanda.

UJanda ukwaqhwabele izandla imbethi-manqindi yakuMangci eChizele eDutywa uBukiwe Nonina eyintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi leBantamweight.

Kodwa uNkosinathi Ndlodaka onguceba weUDM uthi lo msitho waseMbhashe ibiliqonga nje “lesigqubu sezopolitiko”.

Ezinye zezinto asele ezenzile lo masipala ziquka:

-Ukusungulwa kweziko lokuvavanya abo bafuna iilayisenisi zokuqhuba

-Ukuphethulwa kwesoyi kwifama yamandongomane kumaJingqi kuGatyana

-Ingqungquthela yolutsha yezoqoqosho eDutywa

-Ukubanjwa kweBomvana Heritage Day eXhorha

-Ukufundiswa koluntu ngamaxhalanga akuMsikiti.