Umbhashe wokhe ibala lokuvavanya abaqhubi eDutywa

Ibala lokuvavanya impepha zokuqhuba eMbhashe eDutywa lizakuqalisa usebenza kungekundala. Umfanekiso: Anele Raziya

UMASIPALA
waseMbhashe uthi impepha mvume zokuqhuba zingadlala indima enkulu kwaye zivule
namathuba engqesho kulutsha. 
Imisebenzi
emininzi phantse iqashe abantu abanempepha mvume zokuqhuba, nto
leyo eyenza kubenzima kwabo bangenazo ukuba bafumane ingqesho.

Igosa
lezonxibelelwano kumasipala waseMbhashe, uMzimasi Dyomfana uthi kungesosizathu
esibangele ukuba lo masipala
  wokhe
indawo yokuvavanya ukulungiselela abo bafuna impepha mvume zokuqhuba. Elibala
ligqityezelwe ekuqaleni kwalo nyaka ukwakhiwa emva kokuba laqalwa kwiminyaka emibini
eyadlulayo ukwakhiwa.

Uninzi
lolutsha eMbhashe lujongene nomceli mngeni wentswela ngqesho, kodwa uDyomfana
uthi unethamba lokuba xa kuvulwe le ndawo yovavanyo lizokwehla inani, abo
bazuse impepha zokuqhuba bazakuba sethubeni lokufumana imisebenzi.

Ulutsha
lwaseMbhashe lithi linethemba lokuba izakudlala indima enkulu le ndawo, kwaye
izakuphelisa nento yokuba umntu ahambe umgama omde xa efuna impepha zokuqhuba.

“Asinokuphinda
siye kooCofimvaba, Ngcobo, nakwezinye iindawo xa sifuna impepha zokuqhuba ngoku,
sizakuzenza apha ekhayeni singakhange sichithe mali ininzi ngokuhamba,” kutsho
uSine Mfana one-19 yeminyaka.

Le
ndawo yovavanyo kulindeleke ukuba iqale ukusebenza kwinyanga ezayo, nangona
umasipala esathi ulinde imvume kwisebe lezothutho ephondweni phambi kokuba
aqale ukuyisebenzisa.

“Ekuqaleni kwenyanga ezayo sizakuqeqesha abo
bazakusebenza kule ndawo yovavanyo ngelixesha silinde isebe lezothutho, kodwa
ndiyathemba ngomhla wamashumi amabini ananye sizakube sisebenza, kuba likhona
ithemba lokuba isebe lingaphendula msinyane,” utshilo uDyomfana.

Needolophu
ezikufutshane eziquka uGatyane, neXhorha zizakuxhamla kweli ziko.