
Inqununu yesi sikolo uMalusi Koltana uthi baqaphele kusasa ngoLwesithathu ukuba ifriji ebigcine inyama yenkomo iqhekeziwe. “Le yinyama yenkomo ebesiyiphiwe ngomnye wabo babesakufunda apha eMzomhle. Besingekayisebenzisi, ibisaphelele. Bayithathe yonke bashiya amanqina kuphela,” utshilo uKoltana.
Iingxelo zithi bakhona abarhanelwa abathathu abebekhe bancwinwa ngenxa yoku, kodwa baphinda bakhululwa kuba kungekho bungqina. Isithethi samapolisa uKapteni Nkosikho Mzuku uthi amapolisa aqhuba nophando.
UKoltana uthi imibhiyozo yoMzomhle izakuqhuba, ibiwe inyama ingabiwanga. “Siva kakubi inyama ibiwe, kodwa siyaqhuba nombhiyozo,” utshilo.
Owona mbhiyozo mkhulu ngulowo uzakubanjelwa kwiholo yoluntu yaseMonti ngokuhlwa ngoLwesihlanu, apho abo babesakuba ngabafundi baseMzomhle bazakuthi babeyinxalenye. Kubo singabalula uMphathiswa uNosiviwe Mapisa-Nqakula kwanomsasazi uZolani Bongco.
IChippa United yoxuthe amanqaku kwiPirates edlale ngamathuba emdlalweni