Umbo nomxesibe kwizitalato zaseRhini!

SEKUQALILE ukunyakazela luluntu kwisixeko seeNgcwele iRhini nanjengoko sele uqhuba umnyhadala wobugcisa kazwelonke obanjwa kwesa sixeko minyaka le.

Lo mnyhadala uvulwe ngokusesikweni nguMphathiswa wezobuGcisa neNkcubeko uNathi Mthethwa, nobephelekwe nguSekela-Mphathiswa wakhe uRejoice Mabudafhasi kumsitho ubusindlekwe ngurhulumente wephondo leMpuma Koloni.

Isebe lezobuGcisa neNkcubeko belisandul’ ukubhengeza ukwandiswa kwenkxaso-mali yalo mnyhadala, kwaye lizakutyala izigidi ezikwishumi elinesixhenxe (17 million) kwesi siganeko kule minyaka mithathu izayo.

Ethetha kwinkomfa noonondaba, uMphathiswa uMabudhafasi ubalule ukuba, lo mnyhadala unegalelo elikhulu lwezoqoqosho lweli phondo, nto leyo ebingunobangela wotyalo kwakhona leli sebe.

UmNyhadala wezobuGcisa kaZwelonke ugalela isixa esibalelwa kwi-R349 936 380 kuqoqosho lwephondo leMpuma Koloni.

Ukanti kweliny’ icala, iNkonzo yesiPolisa kweli (SAPS) ithi, iwubhinqe wamfutshane umbhinqo nanjengoko ebalelwa kumashumi asibhozo amagosa asesipoliseni asasazwe kulo myhadala.

Kuza kuvingcwa iindlela kwaye kwenziwe nohlolo lwezithuthi kula ngqingqi ukuqinisekisa ukhuseleko lwabahlali nabandwendwele kwesi sixeko.

Lo mnyhadala uzakuqhuba de kube ngumhla we-10 kweyeKhala 2016.

Unganxulumana ne-Grahamstown Arts Festival ngokubakhangela kule minatha: Facebook: www.facebook.com/nationalartsfestival Twitter: @artsfestival Instagram: @nationalartsfestival