Umbona neAfrika

Uninzi lwabantu beli leAfrika bakholelwa ukuba umbona yenye yeemveliso zeli lizwekazi, kodwa uphando lweengcali lubonisa ukuba oku kutya kuthandwa kakhulu eAfrika kuvela kumazwe angaphandle.

Umbona lo wabhaqwa kwiminyaka ephaya ko1500BC, uzikhulele endle kumathafa ombindi weMexico, wenziwa waba kukutya kwasekhaya kwangaloo maxesha.

Ingxelo ithi ngabarhwebi babaPhuthukezi abantu bokuqala ukuza nombona kwilizwekazi laseAfrika kwaphambi kokuphela kwenkulungwane yoo1500.

Ikwakho ingxelo ethi igqiza likaChristopher Columbus elalijikeleza ihlabathi – nalo laliwuphethe umbona ukufika kwalo eAfrika.

Umbona lo ufike eMzantsi Afrika ngonyaka ka1655, kwiminyaka emithathu emva kokugaleleka kukaJan Van Riebeeck ethunywe yiDutch East India Company (DEIC) kunxweme lwaseKapa.

Iimveliso zeenkozo ezazikho kweli leAfrika ingakumbi kumazantsi weAfrika ngelo xesha yayingamazimba nengqolowa – yayizezona zazisityiwa ngabantu beli lizwe.

Njengazo zonke ezinye izinto ebezivela ngaseNtshona, abantu beli bawamkela, bawuthanda, baza bafunda iindlela zokuwutyala nokwenza izinto ezininzi ngawo.

Ngoku sithethayo ngumhlaba oqikelelwa kwizigidi ezibini zeehektare osetyenziselwa ukutyala umbona eMzantsi Afrika ngonyaka ngamnye. Amaphondo aphambili atyala esi sityalo liphondo laseFreyistata, iphondo laseRhawutini, Mpumalanga noMntla Ntshona.

Emva kokuwamkela nokuwuthanda umbona, isizwe samaXhosa siwusebenzise umbona kwiimveliso zokutya kwasekhaya kwemihla ngemihla.

Ukuhluma nokukhula kombona ngokwanelisayo kumhlaba wamazantsi weAfrika kwabangela ukukhula kweemveliso zokutya eziveliswa ngombona.

Ngenxa yeemeko zezulu zamaZantsi weAfrika, umbona kweli ubutyalwa kwixesha lasehlotyeni ingakumbi ngenyanga kaDisemba. Isizwe samaXhosa sesinye sezizwe eziwamkele ngothakazelelo, sawusebenzisa njengokutya kwasekhaya de wayinxalenye yamasiko nezithethe zamaXhosa. AmaXhosa azithiyela amagama wawo wombona ngenxa yenkcubeko nokuwuthanda kwawo, enza iimbewu ezahlukeneyo.

Umbona uthatha iinyanga ezintathu ukuya kwezine xa utyaliwe. Ukwanoxanduva nokuhlakulwa okanye ukususwa kwekhula ukuze ukhule ngokukuko.

Ungaweva amagama weembewu zamaXhosa zesi sityalo kusithwa ngoobhenq’ iimpundu, oonyangantathu, oosicakathi, oogasityeketye nezinye.

Zizizukulwana eziliqela zabantu beMpuma Koloni ezisebenze kumasimi ombona eFreyistata bevelisa umbona, bakha amakhaya, bathenga imfuyo ethe yagqithela kwizizukulwana zabo.

Inkampani yakwaKellogs yenye yeenkampani zeli ezivelisa isidlo sakusasa esithandwa luninzi ingakumbi eso senziwe ngombona.

Le nkampani ngonyaka ka2016 ingenelele kwiphulo lokuveliswa kombona kwiilali zaseLambasi, eLusikisiki, ibambisene nabakwaAnglo-American ngeenjongo zokukhuthaza ukuveliswa kombona.

Ukanti ngoTshazimpuzi ka2018, iingcali zeemveliso zeenkozo kwihlabathi zazidibene eKapa kwinkomfa eyayibizwa ngokuba yi-International Sorghum Conference.

Ingxelo ithi loo nkomfa yaphuma nezigqibo zokuba kunyuswe iimveliso zamazimba kweli nakwihlabathi liphela ngenxa yezityholo ezijoliswe kwiingxaki zempilo ezibangelwa ngumbona.

Ukupheliswa kwemveliso yombona kweli kungabangela ukulahleka kwezithuba zemisebenzi kwiintsapho ezininzi, logama kunokuba negalelo kumasiko nezithethe zabantu boMzantsi Afrika.

Ingxelo yokugqibela yonyaka ka2017 ithi ihlile ingeniso eyenziwa ngumbona kweli kwingeniso karhulumente ngokubanzi (GDP).

Umbona yenye yeemveliso zeli ethunyelwa kumazwe angaphandle ngenxa yomgangatho wawo, ingakumbi ovela eFreyistata.

Iifama zeli loMzantsi Afrika kuquka nezo zivelisa umbona ziqeshe abantu abakumakhulu amathandathu amawaka kwimisebenzi esisigxina ngaphandle kwaleyo yethutyana – xa kuvunwa naxa kutyalwayo.

Ingxelo yokugqibela yabakwaAgriBiz ithi ilizwe laseNigeria lingxamele ukuba lelona livelisa umbona omninzi eAfrika.