Umbongo wakhe upapashwe kwekaMadiba

Umbhali uThemba Ngada

Akawuvali umlomo umpapashi woncwadi lwembali yenkcubeko uThemba Ngada emva kokutyunjwa kombongo wakhe ukuba ube yinxalenye yencwadi enemibongo elikhulu ebhalwe ngalwimi zonke.

Le ncwadi ibhalwe emva kokuba ithala loncwadi loMzantsi Afrika (National Library of South Africa) idibene neNelson Mandela Foundation yathi yakhweba ababhali ibacela ukuba babhale imibongo elikhulu ngoMongameli wokuqala kulawulo lwedemokrasi ubawo uNelson Rolihlahla Mandela.

“Ndonwabe kakhulu emva kokuba ndive ukuba umbongo wam uye wachongwa kwicandelo lesiXhosa,” itshilo le mbongi.

UNgada waphekwa kwizifundo zonxibelelwano kumzi wakwaNokholeji eDikeni, wayintatheli ephume izandla de yaqamba elayo iphephandaba elalifundwa kwimimandla yeDike, Bhofolo neXesi iVictoria East Reporter.

Yindoda ethanda kakhulu ukubhala kuquka nentlaninge yemibongo ngesiXhosa nesiNgesi. Isiduko sakhe nguNzotho, uNyelenzi, uMaphango. Uzalelwe eSprings eRhawutini, isinqe sakhe sikumhlaba wamaGqunukhwebe phantsi koNkosi uKama phezu komlambo iXesi.

Uyise uphuma kwisizwe samaMbombo kaKumkani uNgqika eQawukeni, eChwarhu. Unina yintombi yomSwati kwaMaseko.

Ukhanyelwa ifayidukhwe yintombi yamaNtambo kwaQoboka eTsomo, kwaye unezithuthi zokumkhelela amanzi, uSibulele (22) noQhawekazi (18) neebhokwe ezilishumi elinesithathu noTau igama lenja yakhe.

Mve ke xa ebongoza iDiba elikhulu:

Kungakuhle! Kungakuhle xa unokuhlala ungalali, Kungakuhle xa unokujonga ungacimeli, Kungakuhle xa unokuthetha ungathuli, Kodwa udiniwe. Kungakuhle ubenathi okwethutyana,

Kungakuhle ungasifulatheli, Kungakuhle ungasishiyi, Kodwa uyafunwa kowenu. Kungakuhle ungasabeli, Kungakuhle ungabheki, Kungakuhle ungananzi, Kodwa uyabizwa. Kungakuhle uginye, Kungakuhle uvule, Kungakuhle ukhamise, Kodwa akukho yeza. Kungakuhle utshitshilize, Kungakuhle utshijile, Kungakuhle utshivele, Kodwa hayi unesimilo. Kungakuhle udangele, Kungakuhle wonqene, Kungakuhle ulibale Kodwa uthunyiwe. Kungakuhle usicingele, Kungakuhle usithande, Kungakuhle usibonelele, Kodwa kwanele. Kungakuhle ugibisele, Kungakuhle udubule, Kungakuhle uqhushumbise, Kodwa sekufezekile. Kungakuhle ubholel’ecaleni, Kungakuhle wehl’entloko, Kungakuhle utheth’unothanda, Kodwa kuvakele. Ngxatsho ke Zondwa! Maz’enethole Yemyem! Nangamso Dlomo! Thole lidun’ elide kaMadiba, Kodwa-a-a-a! Kungakuhle ugibisele