Umfundisi wodumo, uPaseka Motsoeneng, nowaziwa ngelikaMprofeti Mboro, kulindeleke ukuba avele enkundleni ngoLwesithathu.
Oku kusemva kokuba ekunye nabanye abane bebanjelwe ukugrogrisa ootitshala ngoocelemba kwisikolo saseKatlehong.
UMboro uthathe ngenkani abazukulwana bakhe emva kokuba utata wabo engavunyelwa ukuba abagoduse kwisikolo samabanga aphantsi iMatshidiso ngoMvulo.
Ngokwengxelo yokuqala, isithethi sesebe lezemfundo eGauteng, uSteve Mabona, uthi iya iqatsela impixano phakathi kweentsapho ezimbini malunga nokugcinwa kwabantwana abangamakhwenkwe abafunda kwesi sikolo, abenza uGrade R noGrade 2.
Kuthiwa umama waba bantwana usweleke ngenyanga kaTshazimpuzi kulo nyaka, nto leyo eyakhokelela kwingxabano phakathi kwecala losapho likamama nelikatata.
“Ngomhla wesi siganeko, utata wabantwana wayenentlanganiso nenqununu kusasa. Kuthe ekuhambeni kwemini, umakhulu (umama kamama ongasekhoyo), ekuthiwa ngumgcini waba bantwana, naye udibene nenqununu ukuyobika nokumazisa ngengxabano eyenzeke kwindibano ebibanjwe kwimpelaveki egqithileyo kumzi kayisemkhulu uMboro,” utshilo uChiloane.
UChiloane uthi emva koku, uSekela nqununu nabanye ootishala bala ukubakhulula abantwana ngaphandle kwemvume kamakhulu. Oku kubangele ukuba umfundisi afike esikolweni ehamba noonogada nezixhobo.
Esi sehlo senzeke ukuphuma kwesikolo ngethuba utata waba bantwana eze kubalanda.
Inqununu kunye neSGB bawubike lo mba emapoliseni. IYunithi yoKhuseleko lwaBantwana imiselwe ukulamla le meko.
UMphathiswa wezeMfundo, iMidlalo, uBugcisa, iNkcubeko noLonwabo eGauteng uMatome Chiloane usigxeka kabukhali esi sehlo.
“Ukhuseleko nempilontle yabafundi nootitshala bethu yeyona nto iphambili. Ezi zenzo zobundlobongela nezoyikiso azijongeli phantsi isiseko semfundo yethu nje kuphela, koko zikwanako ukucinezela uluntu lwesikolo luphela, ingakumbi xa siqwalasela ukuba esi siganeko senzeka kwisikolo samabanga aphantsi phambi kwabantwana abancinane nootitshala babo.
“ISebe lizibophelele ekuqinisekiseni ukuba ubulungisa buyenzeka kulo mba. Asisayi kuzinyamezela naziphi na izenzo zobundlobongela okanye zogrogriso kwaye siza kuthatha amanyathelo afanelekileyo ukukhusela abafundi nootitshala bethu,” utshilo uChiloane.
Kuthiwa inkxaso ngokwasengqondweni iya kuthunyelwa kootitshala nakubafundi abachaphazelekayo.
UNasreddine Nabi uthi uyayazi into efunwa ngabalandeli beKaizer Chiefs!