Umbulali ukho kuthi ngamaxesha onke

Wonke umntu anganguye umbulali. Nditsho mna, wena, naye nawuphina umntu unakho ukuba ngumbulali naninina; ntonje singabanye asikayazi ukuba yintoni le iyakuza ichukumise isiciko sobuchopho bethu isenze sibe nenkohlakalo yokubulala.

Andithetha ngokubulala ngengozi apha, umzekelo ugilise umntu ohamba ngeenyawo ngemoto atshabe, okanye ukubulala kuba ubuzikhusela okanye ukhusela abanye njengenxenye yomsebenzi wakho (umz. amapolisa / amajoni); ndithetha ngokubulala umntu omaziyo (nokuba awumazi), kodwa ube unenjongo yokwenza oko.

Kudala ndabanayo le nkolelo ndisakhula, yaye ndiyarhana ukuba enye yeempembelelo zayo yayikukuva iindaba mihla le nokufunda ngeziganeko zokugetyengwa kwabantu ekuhlaleni nakwilizwe jikelele; oku kusenziwa ngabantu abafana nam nawe, ngenxa yezizathu ezahlukeneyo.

Kwakhona, enye yezinto eyandenza ndicinge nzulu ngalo mba de ndibe ndiyakholelwa ekubeni ngenene sonke singangabo ababulali, kukuva uninzi labazali, ingakumbi ootata, bethetha besithi “umntu ongaze axhaphaze okanye onzakalise owam umntwana ndingaze ndimdlulise amafu ngezi zam izandla.” Nangoku, baninzi abazali abasathetha ngolu hlobo ngabantwana babo.

Ewe, mhlawumbi yintetho nje le yokubonakalisa izigaba umntu angazithabatha ukukhusela umntwana wakhe ebubini, kungekukho ukuthi ngokwenene uzakubulala. Kodwa kunjalo, mna ndiyamkholelwa wonke ubani othetha ngale ndlela, kuba ndisemi kwelithi: wonke umntu anganguye umbulali. Kudala ke ndanilumnkisa ngokuthanda kwam ukubuyisela i’syllabus’ emva, nalapho ndiye ndibuyele kwizibhalo zam zangaphambili xa ndifuna ukubethelela okanye ukongeza kuluvo ebendiluveze kumxholo wangaphambili.

Ebutsheni bonyaka ndikhe ndabhala ndathi “umntu soze umgqibe.” Namhlanje ndifuna ukucaphula mhlathi uthile kwesa sibhalo, kuba ndifuna ukwaleka umsundulu kule nto kudala indizungeza.

Ndabhala ndenjenje: “Kule nkohlakalo nobundlavini bemihla nezolo, nabenzi bayo ingabantu esibaziyo emakhaya nasekuhlaleni, inokuba mhlawumbi xa sikhanyela isenzo esibi somntu othile ngelisithela ngelithi ayifani naye lo nto; ingaba ngamanye amazwi sithi kukho abantu abakhethekileyo abadalelwe ukuba ziindlavini nabenzi bobundladiya? okanye sesiphila ubomi basentsomini apho ingamagongqongqo abenzi bobububi?”

Ndiyaphi nayo yonke le nto? Andifane ndiwubukele umabonakude, kodwa apho ndizimince khona, uyakufika ndiqolozele kula majelo aneenkqubo ezingobudlobongela nokugwintwa kwabantu, kwakunye namabali amafutshane asekelezwe kwiziganeko ezenzekileyo nezenzekayo kubomi esibuphilayo. Eyonanto inditsala umdla ngezi nkqubo kukuba zonke zindishiya ndikhwankqisekile nombuzo ongaphendulekiyo othi: yintoni le kanye eyenza umntu abulale omnye umntu ngokungena- lusini? Uninzi lababulali kwezi nkqubo ngabantu abazana nabo bababuleleyo. Nditsho wena mzali, myeni, nkosikazi, qabane, dade, mnakwe; njalo njalo.

Kuba eli jelo ilelaseMelika, lo nto ithi la mabali angeziganeko ezenzeka kwela lizwe, kodwa kunjalo, akhonto yohlukileyo kwezi sizaziyo zenzeka mihla yonke apha eMzantsi Afrika.

Iziyobisi, umona kwezothando nokunganyaniseki, ukuqhawukwa kwemitshato nokubangisana ngabantwana, ukuntyumpantyumpeka ematyaleni, ukubanga amafa. Ezi zezinye zezinto ezitshotsh’ entla njengonobangela nempembelelo yokubulawa komntu ngolunya ngumntu amaziyo.

Njengelinge lokuzama ukuza neempendulo kwimibuzo eluthotho, ezi nkqubo ziphicotha ze ziphengulule bonke ubungqina obuphambi kwazo nobufihlakeleyo, zenze uphando-nzulu nophendlo ngolona coselelo lukhulu, yaye oku kungathatha iminyaka phambi kokuba yonke into ifikelele kuvutho ndaba.

Kodwa mnye qwaba jwi umbuzo ohlal’ uhleli nongade uphenduleke ncam: yintoni le iye ithi thiki engqondweni nasentliziweni yomntu ade abe kanti uzakubulala omnye umntu?

Okanye ndim ndedwa lo unale ngcingane?