Umbulele, wamnqunqa, emva koko wamfaka eplastikini nakwisutikheyisi

ISILUMKISO! Eli nqaku liqulethe ingxelo engenokubalungela abo bantliziyo zithambileyo!

UMKOMISHINALA wamapolisa eMpuma Koloni, uLieutenant General Liziwe Ntshinga, ukukhalimele ngokumandla ukubulawa ngokuhlasimlisa umzimba kwentwazana engumfundi waseFort Hare, ze emva koko umzimba wayo wanqunqwa sisinqandamathe sayo eQuigney eMonti.

Esi sehlo sibonwe ngamapolisa ngentsasa yangoLwesine emva kokumiswa ngumqhubi wemoto kwikona yesitalato iFleet neFitzpatrick eQuigney.

“Ekufikeni kwawo amapolisa afumene isutikheyisi enomzimba wentwazana eneminyaka engamashumi amabini anesithathu (23), ecaleni kwayo kwabe kukho ibhegi emnyama enelungu lomzimba (lale ntwazana),” kutsho uBrigadiya Thembinkosi Kinana, isithethi samapolisa aseMpuma Koloni.

“Uphando luveza ukuba umrhanelwa (25) nexhoba bebethandana kwaye ibisele ilithuba behlala bobabini. Iingxelo zidiza ukuba umfi ebengumfundi [owenza izifundo] zomthetho kwiYunivesithi iFort Hare eMonti,” utshilo uKinana.

Abezomthetho kwindawo yexhwayelo eQuigney UMFANEKISO: UTHUNYELWE

UKinana uthi ekuphendleni, amapolisa afumene iplastiki enamalungu omzimba ngaphakathi kwindlu yesi sibini.

UNtshinga uthi esi sisehlo amakhosikazi anganqweneli kusibona ngenyanga yamakhosikazi.

UKinana uthi umrhanelwa uza kuvela phambi kwenkundla kamantyi waseMonti ngoLwesihlanu, ngetyala lokubulala.