Umbulelo ngobukho be-I’solezwe eKapa

Mhleli ohloniphekileyo

Sinovuyo kweli khaya ngokude sifumane iphephandaba lesiXhosa apha kweli laseKapa. Liyasondla.

Sinqwenela ukuba lingamane lisinqabela kwezi ndawo silithenga kuzo. Akwaba nje beninokulumkela indlela yokubhalwa kwamagama esiXhosa, izinto ezifana noonobumba abakhulu nokuphindaphindwa kwezikhamiso njalo njalo.

Loo nto inganceda abafundi nababhali abasebatsha ekubhaleni. Akwaba beniya kuzama ukuba sihlale silifumana nalapha eKapa.

Emeritus Profesa Sizwe Satyo RONDEBOSCH