UMbuso uwarhoxisile amatyala ngakuJub Jub

UMolemo ‘Jub Jub’ Maarohanye.

IGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) liwarhoxisile onke amatyala abekwe umrepha nomsasazi kamabonakude uMolemo Maarohanye owaziwa ngelikaJub Jub.

UMaarohanye ebejongene namatyala amathathu okudlwengula, amabini okuzama ukubulala nelokubetha ngeenjongo zokwenzakalisa umzimba. Ezi zehlo kutyholwa ukuba zenzeka phakathi kuka2006 no2009.

Isithethi seNPA eGauteng, uPhindi Mjonondwane uqinisekise ukuba zonke izityholo zirhoxisiwe kuba iofisi yoMlawuli woTshutshiso loLuntu (DPP) igqibe kwelokuba “akukho themba lokutshutshisa ngempumelelo.”

Phakathi kwabo batyhola uMaarohanye kuquka oosaziwayo ababini, uAmanda du Pont noMasechaba Khumalo ababencuma naye kudala. Abanye abasetyhini abathathu nabo beza ngaphambili ngezityholo ezifanayo.

Emva koko, kwakhutshwa incwadi egunyazisa ukuba abanjwe waza uMaarohanye wazinikela emapoliseni waze wavela kwiNkundla kaMantyi yaseGoli apho wakhululwa ngebheyile yeR10 000.

“I-NPA izijonga nzulu zonke izityholo zobundlobongela obuphathelele kwezesondo kwaye ayilibazisi ukuthatha amanyathelo ngakuzo kodwa kuphela apho kukho ubungqina obufanelekileyo nokwamkelekileyo obunokuxhasa izityholo.

“Ngelishwa, kweli tyala, emva kokuphononongwa kobungqina obukhoyo, akukho themba lokutshutshisa ngempumelelo kungoko kuye kwarhoxiswa amatyala,” utshilo uMjonondwane.