Umbuso uyayikhaba ibheyile ngakwinqununu etyholwa ngokudlwengula

USiviwe Shosha inqununu ethyolwa ngokudlwengula intombazana eneminyaka elishumi elinesithathu kwisikolo iBlythswood eNgqamakhwe apho asebenza khona umfanekiso: Michael Pinyana

UMBUSO usamile kwelokuba akukho semdleni wobulungisa ukunika ibheyile kwinqununu yaseBlythswood Junior eNgqamakhwe etyholwa ngokudlwengula umfundi wesi sikolo.

 

USiviwe Shosha (51) ebevele kwakhona kwinkundla kamantyi yaseNgqamakhwe kule veki apho isicelo sakhe sebheyile siphinde sakhatywa kwakhona.

 

UShosha wabanjwa ngamapolisa kwinyanga yeKhala kulo nyaka emva kokuba amapolisa efumanise ukuba udlwengule umfundi wesi sikolo (oneminyaka elishumi elinesithathu) ukusuka kwinyanga yoKwindla ukuza kuthi ga kweyeKhala.

 

Ngokwengxelo yosapho le nqununu ibiye imdlwengulele emzini wayo kwilali yakuNomaheya lo mfundi.

 

“Lo mntwana ukhathazwa sisifuba (asthma) kwaye ulanda iipilisi ekliniki rhoqo. Le titshala ibithanda ukumkhapha ngemoto xa esiyokuthatha iipilisi. Eli nyala lokumdlwengula liqale apho.

 

“Bebesithi xa bebuya ekliniki, le titshala imthathe imse kumzi wayo ifike imdlwengule. Maxa wambi ebeye amdlwengule phambi kokuba ayokulanda iipilisi. Xa emdlwengule phambi kokuya kulanda iipilisi, ebeye amxelele ukuba makangabisaya ekliniki,” kutsho isalamane sexhoba.

 

Umtshutshisi uYandisa Mhaga usamile kwelokuba umbuso uyasichasa isicelo sebheyile ngakumtyholwa. Ityala lakuxoxwa ngomhla weshumi elinesibini kule nyanga.