Umbutho omtsha wezopolitiko ufuna ukukhokelwa nguMandela

KUSUNGULWE imibutho emibini emitsha yezopolitiko eza kuthabatha inxaxheba kunyulo lukazwelonke kulo nyaka uzayo.

Usomashishini owaziwayo, uBuyelwa “Mhonko” Bomela usungule umbutho owaziwa ngePeople’s Republic of South Africa (Prosa) ngelixa umbutho olawula iiteksi, iSouth African National Taxi Council (Santaco) usungule i-Alliance for Transformation for All (ATA).

Zohluke kakhulu izithembiso neminqweno yale mibutho nanjengoko iProsa ifuna ukuthathela kuyo ulawulo lweNtshona Koloni ngelixa yona iATA ifuna ukuphelisa ukoxuthwa kweeteksi kuyekwe ukonyuswa kwamaxabiso wamafutha ezithuthi.

Umseki weProsa nekhangeleka ineminqweno emikhulu, uBomela, uthi ukwiphulo lokuthetha noZenani Mandela ngeenjongo zokuba abengumongameli weli qela.

Yomibini le mibutho sele ibhalisile kwi-Independent Electoral Commission (IEC). Lo nto ithetha ukuba kongezeleke imibutho emibini yezopolitiko ephuma eKapa.

Isithethi seSantaco eNtshona Koloni, uCecil Dibela, uthe bagqibe ekubeni basungule iATA emva kokuba bengoneliseki yimpatho abayifumana kurhulumente malunga nemiba yokunikwa iimpepha zokuqhuba ezindleleni, ukoxuthwa kweeteksi zabo nokonyuka kwamaxabiso wepetroli.

Uthe baza kubamba inkomfa ngomhla we22 kule nyanga eKomani nalapho bazokonyula iinkokheli zeATA. “Siyile kuwo onke amaphondo ngaphandle kweNorthern Cape. Kungokunje kuhlanganiswa iintloko kusonyulwa iinkokheli. Ezo nkokheli ziya kuthi zihluzane ngomhla we22,” utshilo.

“Asifuni ukuthembisa ngokwakha izindlu thina ngoba asikayazi ukuba uhamba njani umbandela wezezimali zokwenza oko. Sifuna ukungena ePalamente ngoku nalapho siyakuthi siphakamise izikhalazo zethu. Asenzeli thina sodwa, sinceda wonke umntu onesithuthi kweli lizwe,” utshilo uDibela.

UBomela nobesakuba lilungu leANC uthe ugqibe ekubeni makaseke iProsa ukuze kufezekiswe izithembiso ezophulwa yiANC. Uthe umbono wokuvusa lo mbutho wavela kuFacebook, nalapho abantu babekhalaza ngeANC baze bacela ukuba kubekho omnye umbutho.

“Sasivakalisa izikhalazo nokungoneliseki kwethu yindlela esiqhuba ngayo iANC. Ndafumanisa ukuba imeko iye ibambi kakhulu kweli lizwe. Kulapho sabona khona ukuba uyafuneka omnye umbutho. UProsa uza kuba ngulo mbutho kanye,” utshilo.

Uthe ngumbutho wokuqala lo ukuthiywa ngegama lelizwe kwaye uza kwenza kanye le nto iza kulungela abantu beli lizwe. “Siza kufezekisa amaphupha wabazali bethu. Siyakuxhasa ukoxuthwa komhlaba ngaphandle kwentlawulo kodwa kufuneka lo nto yenziwe ngokunyanisekileyo kungabikho nto ifihlwayo kuba kusenzelwa ukuba kuxhamle abathile,” utshilo uBomela.