Umbutho wabasebenzi ungenisa ixwebhu lezikhalazo

UNqaba Bhanga etyikitya uxwebhu lwezikhalazo kumbutho iSAMWU. UMFANEKISO: Sisonke Mlamla

BADIKWE 
yeyokosa abasebenzi kumasipala waseBhayi, bekhala ngempatho-mbi
kwizitishi zabo zokusebenza, bagqiba ukuba umbutho wabo iSAMWU ekhokelwa nguNomvula
Hadi,  usihlalo nonobhala uNomqondisi
Nodongwe, bengenisa ixwebhu lezikhalazo kusekela
sodolophu uMnu uNqaba Bhanga izolo.

Lo mbutho umele abasebenzi aba-4300,
ukhalimela umkhwa wobuqhophololo, nokuvela kuyekiswe abasebenzi kungekho
sizathu siphathekayo, kwaye besithi bayijongile nalo mkhwa wokusoloko kugxothwa
abantu abamnyama kuphela.

Kwaye bekwaveza ukuba iDemocratic Alliance engumbutho
olawula esi sixeko seNelson Mandela, mawuvule zonke iintlawulo ezihlawulwa
zezi nkampani ekohlwayeni abasebenzi, bekwakhalimela ukuba lo mbutho mawuyeke
ukubiza inkunkqela zamagqwetha kumcimbi wokohlwaya abasebenzi, becela kubizwe
abasebenzi abakhulu kwakunye nabaphathi kwizikhundla zengqesho, besithi
makufundwe umthetho wezorhulumento.

Lo mbutho wabasebenzi iSAMWU ivuthulula
ngelithi, makuyekwe ukuhlukunyezwa abasebenzi, ingakumbi abasebenza  ngeenkunkuma zoluntu, imibane namandla,
imihlaba nezindlu kwakunye nabasebenzi bezakhiwo. 

Bekwabandakanya neentlawulo
zabasebenzi besithi, makuyekwe ukubanjwa iintlawulo zabasebenzi.

ISAMWU ixelele usekela-sodolophu  uNqaba Bhanga ngelithi ukuba izikhalazo zabo
aziphendulwa, bazakuthatha amanyathelo okuqhankqalaza.

 “Siyalamkela olu xwebhu lwezikhalazo kwaba basebenzi, kwaye asibafuni aba bantu bahamba bevala
amanzi nemibane ngelithi abaphethekanga kakuhle emisebenzini, singumasipala
siyawukhalimela loo mkhuba,’’ utshilo okaBhanga

OkaBhanga ulityikityile olu xwebhu esithi uzakulisa ngaphambili, kwikomiti ukuze bathathe izivumelwano, ethembisa
ngelithi bazakuphendula ngethuba elifanelekileyo.