Umbutho wabatshatileyo uvuselela imitshato efileyo

UMfu.Ngqokola kwakunye nonkosikazi wakhe

Inkosikazi yaseMonti uNokuzola Ngqokola kwakunye nomyeni wakhe emva kokuqaphela iingxaki eziye zinwenwa emitshatweni, bagqibe ekubeni basungule umbutho abawubiza ngokuba yiSolid Foundation Couple’s Ministry, eza kuthi ikhawulelane nemingeni ejongene namakhaya, abantwana kuquka neengxaki emitshatweni.

Lo mbutho uphehlelelwe ngempelaveki eHope Fellowship eSouthenwood eMonti. UNgqokola uthi eyona njongo yabo iphambili ngale ntshukumo bayenzileyo bazama ukuphucula ubudlelwane phakathi kweentsapho, kuba uthi ukulunga kosapho kukulunga koluntu ekuhlaleni.

Uthi owabo umtshato weminyaka bancedwe nguThixo njengoko esithi xa bekhuthaza abatshatileyo baye bathi zonke iingxaki mabazinikele kuThixo.

“Lo mbono wokuba ndilungise amakhaya ingakumbi imitshato yinto endiyithunyiweyo. Ukuba sijongile kwilizwe lethu, ekuhlaleni kwethu nabantwana bethu akukho nto intle. Abantwana bethu bagaxeleke kwiziyobisi, unobangela kukuba kuphosakele apha ezindlini zethu sekunje nje.

“Okokuqala sikhulisa abantwana bethu kwimitshato engemihlanga, apho kukho iziganeko zokuphathana gadalala.

“Sikhulisa abantwana bebona indlela esiqhuba ngayo singabazali babo. Xa umntwana ebukele umama okanye utata wakhe ephetheke kakubi, lo nto iye imchaphazele.

“Ngoku lixesha lokuba uBawo andisebenzise ndilungise loo makhaya. Abanye sele behlelele ukunyamezelela abantwana babo emitshatweni, endaweni yoko kuye kubheka pha kuba kubi,” utshilo uNgqokola.

Uthi abanye bayahlala emitshatweni kuba besoyika igama labo kwiicawe zabo. Uthi akukho ongcono kuba nabo basindisiweyo zikhona iingxaki kwimitshato yabo nanjengoko oku kungenabala kwaye kungenankolo. UNgqokola uthi baqale ukudibana bengamakhosikazi namadoda wabo rhoqo ngenyanga bedibanela emzini wabo. Uthi naseMdantsane bayaya apho bafika babenazo iindibano ezakha amakhaya.

UNgqokola uthi bazokubuyisela isidima somtshato kuba eminye imitshato yaphela kudala. Uqhube wathi bayakwazi abatshatileyo bangathethisani ngoku behlala kwindlu enye, abantwana ibe ngamaxhoba okubukela kwanokufunda lo nto imbi iphakathi kwabazali babo.

ISolid Foundation Couple’s Ministry ayikabikho kumaqonga onxibelelwano. Ukuba unomdla wokuba yinxalenye nabo kwaye uneengxaki ezidla umzi ungamtsalela uNgqokola ku073 604 6053.