Kweyam intswelakuqonda, ndididekile ukuba esi sizwe siyaphi na. Ukuba bendinako bendinga ndingaqhiwula, koko andiqinisekanga nokuba kusengaqhiwulwa kuqhiwukeke na.
Kokwam ukuthabathisa isingathi asiboni apho siya khona nangani siwavulile nje amehlo namabombo ethu alathe apho sisinge khona.
Kambe ke apho ‘usinge’ khona akusoloko kulapho ‘usingise’ khona. Kowu, wakhumsha Gengeshe; wathetha ngokusinga nokusingisa. Watsho ndabhideka ke mna lawu.
Umntu wanamhlanje endinguye uthiwe lwalwe likratshi, wala sele ephitshwa. Akavumi ukususwa nokukhutshwa kwizinto ezingamfanelanga, okomntwana esala nedami nangona ithe mome ziintsholongwane.
Kazi zinto zini na ezo Washota? Azilunganga kubani? Xa zingalunganga kum ingaba azilunganga nakuwe? Ndoke ndive!
Singamaciko, acikoza de acikozele nokubhubha kwawo. Zonke izinto ezizibonisa ngokwazo ukuba azisifanelanga sizifuna apho bezikho, okwentombi ebethwe eluphondweni lisoka lingayifanelanga.
Kubangathiwa makuyekwe intsangu; bathi abantu ‘intsangu ayinanto into isemntwini.’ Kuthiwe masiyeke utywala buyasibhanxisa; sithi ‘into isemntwini.’
Yekani icuba liyabulala; athi ophendulayo ‘nawe yeka iti le uyiphunga kangaka.’ Sanukudla inyama etyebileyo; makube sifuyele ntoni? Yekani ubuhenyu; bathi abantu ‘sixakekile thina, sisebenzisa esinako.’ Sanufinyeza kangaka kwezi zidlwengu; ‘akukho nto isempahleni into isemntwini.’ Njalo njalo ke, akukho nto sinqandwa sinqandeke kuyo.
Ndisenjenje nje ndisuswa yinto ekudala ndiyoyika kula maqonga onxibelelwano ngobuxhakaxhaka bale mihla kuthiwa ziisoshiyali nethiwekhi.
Bekukade kusithiwa ngawabatsha ke, kodwa ngoku akusenjalo, nongakanani na ulapho. Izinto ezenzeka apho zingaphezu kwam ndimile! Ndise ndibe namasikizi kwiintombi zethu ‘nakubatsha’ nabatshakazi babo. Akusenzima zinkosi!
Njengokuba kusithiwa indaba yotyelo ayikholi nje, mna ndanela nje kukuva ngazo ezi zinto, ndahle ndaqonda ukuba azingendilungeli. Zifika zidlule, zindishiye ndisenjalo okwengcongolo isoyisa izikhukhula.
Bayazincoma ke kambe abaninizo ezi soshiyali, ukulunga nokufikeleleka nokuwenza lula umcimbi. Kowu, ziwenza lula ke kambe, nonjanina.
Izuma akusekho sidingo sokuba lihlale emahlathini nasezingxondorheni lilinde amaxhoba alo, amaxhoba alizela lihleli endlwini yalo. Wena wakha wabuva ubuvuvu bokuphehlwa kwentombi!
Zange ndayiva into yokuba intombi ivume umntu engamaziyo nengazange yambona nasemdudweni, iphume iye kuzandlalisa ngaye. Inene zilula neentombi zale mihla. Ingaba kukunqaba kwamasoka okanye kwaphela ukuzixabisa kweentombi bethu?
Izinto ezenziwa ngabatshakazi nabatsha kula maqonga zenza ndingazi nokuba ndiyamnqwenela kusini na umolokazana nomkhwenyana.
Phofu ndisayikhomba kude xa ndiyikhomba koomolokazana; yiyole koonina!
Kuhleliwe nje basemnxebeni. Bazenza inqambi abafazi esinabo besebenzisa la maqonga onxibelelwano; iintswelaboya zibahlazisa kwezi nethiwekhi abafazi bamadoda. Iyaphela imizi yamadoda ethenjiwe, inundu ikwiqonga lonxibelelwano.
Lonke ke ixesha kuhewulwa ezi zinto abantu bazo bathi ‘akukho nto zinayo into isemntwini.’ Ndiyangqina ke kambe nam ukuba ngabantu aba balahlekene nezimilo, ayizonethiwekhi.
Andizange nangemini enye ndeva kusithiwa nanko umntu ezunywe yinethiwekhi, endikuvayo kukuba umntu uchwechwiselwe ngenethiwekhi waya kuzunywa.
Abantu esingabo bakholana nokubhula umsi kunokubhula umlilo. Abantu balahlekiwe kukwazi ukuba awubi mnandi umlilo singarholwanga esiqhumayo.
Inyiki alizange laba libi ke kumcelu, nangona ubhajiswa ngalo nje. Alizange langawunqoli, kuba liyawufuna. Umntu uwuncoma ububhaxa ke umcelu ngokusoloko engena esigwini ngento enye.
Andazi umntu endinguye ukuba wahluke njani na emcelwini ehlalele ukuzibhubhisa nje naye? Goba msenge iibhokhwe zikutye!
Owenu kwisiXhosa, Nxuba.
Ubethwe entolongweni uNandipha Magudumana