UMchunu udize isicwangciso sokujongana noonqevu abafuna imali yokhuseleko eluntwini

UMphathiswa wamaPolisa uSenzo Mchunu. Umfanekiso: Jacques Naude / Independent Newspapers

UMphathiswa wamaPolisa, uSenzo Mchunu, uthi oonqevu abafuna imali yokhuseleko ngenkani eluntwini ngabantu abangafuni ukusebenza abakhetha ukuba ngathi “zizifunxi-gazi ezibulalayo” ekufuneka ziliwe kwaye zingamkelwa luluntu ngokubanzi.

Uthi basoloko [aba nqevu] bexhobile, besebenza bengamaqela abangela uloyiko nesiphithiphithi. Ukuthi cwaka koluntu kunye nokungaxeli iziganeko ezininzi kungenxa yolu loyiko, utshilo uMchunu.

Konke oku ukuthethe ngoLwesibini ngethuba ebecacisela ipalamente ngesicwangciso esibanzi sesebe lakhe lokuqubisana nale ngxaki eqatselayo yoonqevu abafuna imali yokhuseleko, nefikelele kwinqanaba eliphezulu eMzantsi Afrika.

Iphondo leMpuma Koloni, iKwaZulu-Natal, iNtshona Koloni kunye neGauteng adizwe njengamaphondo amane angunobangela we73% yolwaphulo-mthetho eMzantsi Afrika.

“EMpuma Koloni amaphulo ayaqhubeka kwaye sigxile eMthatha naseNelson Mandela Bay kulwaphulo-mthetho olufanayo, oluquka ukuhlala ngokungekho mthethweni kwizakhiwo nobusela bemfuyo ukubalula nje ezimbalwa. Alishumi elinesibini (12) amatyala athe axelwa kulo mnxeba (hotline) kwaye uphando luyaqhuba,” utshilo uMchunu.

Ukwathe babona iziganeko ezothusayo zokuthotywa kwesimilo apho iinkonzo zecawe, imingcwabo neminye imicimbi enxulumene nosapho iphazanyiswa ngaba nqevu.

Umzekelo, eFreyistata aba nqevu bafuna imali kwabadla umhlala-phantsi nakubantu abafumana imali yeRAF.

UMchunu uthi sele beqalisile ukutyikitya izivumelwano zentsebenziswano noorhulumente bamaphondo noomasipala abanezicwangciso zokusebenza ngenjongo yokudibanisa izixhobo zabo zokulwa ulwaphulo-mthetho.

“Kungoku nje isicwangciso siyaqhutywa eKapa kunye nezithilana ezintandathu ezintsha. Esi sicwangciso siza kuveliswa kuzo zonke iidolophu ezinkulu zeli. Esi sicwangciso siza kubandakanya iiforam zasekuhlaleni (CPFs) kunye neenkampani zabucala zokhuseleko.

“IMpuma Koloni neNelson Mandela Bay zivumelene ngesi sicwangciso kwaye sithetha nje sizakuthi sisisungule kungekudala,” utshilo.

UMchunu ukwamemelele iinkokheli zemveli noluntu ukuba ludlale indima yalo.