Umcimbi kamazala nomolokazana

Andazi yintoni enomolokazana noninazala; namadodakazi asoloko eyimbulaphu ecaleni kwesilonda! Umazala ngeli xa ahleliyo yena kowakhe umzi nendoda yakhe imsabela nokuba uyakhohlela, uyala ngowakhe unyana! Amadodakazi ahlulwe zezokwenda kwawo afuna kulawula ezomny’ umfazi. Yimamalatile!

Oku ndikukhunjuzwa yintlungu yomtshakazi obendinceda ebhankini kutsha nje. Andazi undibone nditheni na ukuze endaweni yokundinceda ngendikuhambeleyo suka azityande igila ngokuhlaliswa ngentsula enye emzini wakhe ngumazala namadodakazi.

Umhlawumbi bubude bomcimbi ebendiwuhambele okubangele atwele. Ndimshiye nelithi aze azicaphukele ubomi bakhe bonke, azazi ukuba ulityutyusi lomfazi elingafanele mzi wandoda ukuba uthe wemka emzini ngenxa yabantu abahleliyo kweyabo; naboyiswa zezabo.

Ndithe makazixelele apha ngaphakathi ukuba naye ungumfazi kwanjengoninazala lowo, kwaye laa ndlela wenza ngayo ukuze ahlale kowakhe naye uza kwenza kwangayo!

Singena kwinyanga yoMnga ngoku, abafana babhonasile. Baza kuzivavanya ngeziva bona iintombi besithi bazenza abafazi.

Kuza kunuka isisu segusha kutsitsizeliswe imililo kubaselwa utsiki nemishwamo emizini yamadoda anoonyana. Ingekaphethuki ke leyo nyama eziswini, lowo mntwana womntu uza kube esisigculelo kwakulo mzi amkelwe ngemibengo kuwo kusithiwa wenziwa umntwana wekhaya.

Abantu abaza kuba phambili kwelo butho ikwangamabhinqa afana naye, iimazi eziyazi ukusuka nokuhlala inimba yokuzala nomcimbi wokwenda.

Waka wathetha into ndayiva umfo endingamaziyo owayethetha kwinkqubo kanomathotholo, wathi umfazi umntwana amaziyo ukuba uzelwe ngulowo uzalwa sesakhe isinqe kwakunye nazalwa naye kuphela.

Bonke abanye, kuquka nomyeni wakhe lowo, zizinto njee eziwe phezulu okwemana yasezimbalini zelizwe lakude.

Leyo yinyani engenakuphikwa nokuba ubani sele ekhanyela kangakanani na, kunjalo nje iyazigwagwisa.

Umfazi sele ede waba unobubele bokuba athi xa efike umntwana wakhe edlala nabanye, bonke abahlulele kuloo nto ayiphathele owakhe. Ukuba loo nto ithe yanecala elikhulu nelincinci, owakhe umntwana womnika elo likhulu ze owasemzini amnike eli lincinci.

Andazi ukuba ukwenzela ntoni na oko, kuba emehlweni omntwana ziyalingana ezo nto nokuba azilingani na kwawakhe. Oku akupheleli nje ebantwini, uya kukubona nasezimazini ezanyisayo.

Ithole elingekakwazi ukumahlula unina emhlambini, elisahamba liphuthaphutha imibele nasencumeni yenkabi, ubeke layabulela ngasemazini engengonina ilithiphula ngendlela emasikizi ngokunga ilwa nontanga wayo.

Zonke ke ezincancisayo zinjalo. Nesikhukukazi esinamantshontsho silinqolela ukulibulala intshontsho elingesosalo khe layabulela ngakuso. Mhlolandini wamanina!

Koonyana abaza kuzeka ke, ukuyekelelwa kwempatho enje kubatshakazi kuxhomekeke kubo. Ngunyana ngokwakhe omele kuba likhusi phakathi komkakhe nezikhohlakali zakowabo.

Incinci kakhulu indima kabawozala, kuba ixesha elininzi uyafihlwa lo mkhuba kuye. Nokuba sele ede wawuqaphela, akabi namhlaba ubhekelephi kuba naye ngokwakhe sele wagqitywayo yile yakhe imazi, akanakungena umcimbi wemazi yomnye umntu ke ngoko.

Kungenjalo uhlala enethemba lokuba kobuye kulunge onwabe umolokazana. Noba umolokazana uxela kuye, uphelela nje ekumomelezeni.

Batshakazi, yibani lizinyo eliqaqambayo kubatsha benu banikhusele ngokwabo kumarhwamnca akumawabo. Ngabo abanibeke apho, besithi banenza abantu. Ningabenzi ubufede bokubaleka umzi ngenxa yezinye iimazi ezikwazileyo ukuyihlala eyazo.

Amadodakazi wathatheni ngokuba ngoosebekho inja yabakhwetha eyahlulwe kukugada ikhaya yaya kugada ebakhwetheni; akanalungelo linjalo ingelilo elokunakha nokunifundisa izinto zekokwawo.

Boomazala, nizele nani, yenzani le nto ninga ingenziwa kwababenu abantwana ekwendeni. Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba