UMphathiswa wezeMidlalo, ubuGcisa neNkcubeko, uGayton McKenzie kunye noMphathiswa weMfundo esiSiseko, uSiviwe Gwarube, batyikitye isivumelwano sokusebenzisana (MOU) ukuvuselela imidlalo ezikolweni.
Le ntsebenziswano ijolise ekuguquleni ufikelelo kwiinkqubo zemidlalo nezenkcubeko ezikolweni, ukuqinisekisa ukuba wonke umntwana, nokuba uvela phi na, unethuba lokuphumelela kwezemidlalo nobugcisa.
“Esi sivumelwano linyathelo lokuqala elibalulekileyo ekuvumbululeni italente nokukhulisa inguqu kwezemidlalo nakwezobugcisa,” utshilo uMcKenzie.
UMcKenzie uthe undoqo ekuguquleni imidlalo yaseMzantsi Afrika kukuqinisekisa ukuba izikolo ezininzi ukusuka ezilokishini ukuya emaphandleni kunye nolunye uluntu olungathathi ntweni lufikelela kumaziko afanayo, uqeqesho nezixhobo.
“Ixesha elide, amaqela esizwe oMzantsi Afrika athembele kwizikolo zabucala njengabaxhasi betalente, nto leyo, nangona ixabisekile, ayibonisi isakhono esipheleleyo seli lizwe,” utshilo uMcKenzie.
Esi sivumelwano kulindeleke ukuba sikhuthaze amahlakani kuwo onke amacandelo oluntu lwaseMzantsi Afrika – ukusuka kurhulumente ukuya kumashishini abucala, iikomishoni, iziseko, iitrasti kunye nemibutho engekho phantsi korhulumente (NGOs), kwakunye nemibutho yoluntu ngokubanzi, ukuba bazibandakanye kwaye badlale indima ebalulekileyo ekuqinisekiseni ukuba abantu abatsha baseMzantsi Afrika bafumana amathuba alinganayo okuphumelela.
UMcKenzie uphinde wazibophelela kwakhona kwiProject 300, isibhambathiso sokuba iqela labantu abangamakhulu amathathu (300) lizakuba kwimidlalo yeOlimpiki elandelayo eLos Angeles ukuya kumela uMzantsi Afrika.
“Asizukuphumelela oku ukuba asiqhubeki sifumana abanye ooBayanda Walaza kwizikolo zethu,” utshilo uMcKenzie.
UMcKenzie ukwabulele uGwarube ngokuthatha amanyathelo akhawulezileyo ukuqinisekisa ukuba le ntsebenziswano iyenzeka.
“Kukho izigidi (13,5 million) zabafundi ezikolweni zethu kwaye bonke bafanelwe lithuba lokuba nemidlalo ekhoyo ezikolweni zabo. Ngoko ke, nokuba ungowaseQwaqwa okanye kuQumbu okanye eSandton, sifuna ukuba ufumane amathuba afanayo okudlala, uzibandakanye nezobugcisa,” utshilo uGwarube.
Ixhwele laseKZN noonyana balo ababulala indoda baza kufaka isicelo sebheyile