‘Umdaniso mawufane nebhola ekhatywayo ezilokishini’

ULindokuhle Odwa Makhanda edanisa Umfanekiso: Phinda Kula

Kapa:

Kunqabile ukubona abantwana abangamakhwenkwe bezixakekise ngeentlobontlobo zemidaniso eyohlukeneyo yohlobo lwaseNtshona.

Uninzi labantwana kwiilokishi zabantsundu bathanda ibhola ekhatywayo ze bangayiseli iliso eminye imidlalo eyohlukeneyo. Kodwa oku akunjalo kuLindokuhle ‘Odwa’ Makhanda, 24, ophuma eNewcross Road eNyanga.

ULindokuhle waziwa kakhulu ngegama lakhe leqonga elinguOdwa.

Uthi waqala ukudanisa uhlobo lomdaniso weBallet enesithoba seminyaka ubudala ngethuba efunda kwisikolo samabanga aphantsi iWalter Tech.

Uthi kule midaniso babeqeqeshwa yinkampani yemidaniso iDance for All. UMakhanda uthi waqhubela phambili kumdaniso wakhe ngethuba engumfundi kwisikolo samabanga aphakamileyo iZonebleom Nest eWoodstock.

Uthi ngethuba eneshumi elinesine leminyaka wehla emzimbeni kangangokuba unina wacinga ukuba usebenzisa isiyobisi seTik, nadiza ukuba kamva unina waye wayiqonda eyona nto ebangela oku.

Uthi emva kokuphumelela ibanga leshumi wagxila ngakumbi kwezomdaniso, nalapho wayedanisa iiyure ezilithoba ngosuku. Waphumelela iDiploma yakhe kwezomdaniso kwiziko loqeqesho iCape Academy of Peforming Arts.

“Ngenxa yokuba ndingumntu othanda izinto yaba kukuqala kwam ukudanisa nangona ndandimkhulu ngokomzimba, ndacinga ukuba oku akundilungelanga kodwa utitshalakazi owaye khona ngelo thuba wandiququzelela ukuba ndithathe izifundo zokudanisa,” utshilo uOdwa.

Uthi nangona wayengenamdla ngenxa yomzimba wakhe omkhulu, oko kwazama ukumtyhafisa kodwa utitshalakazi wakhe wamxelela ngomdaniso weBallet.

Uthi zange wacinga ukuba angaze athathe isakhono sokuba ngumdanisi, koko ngenxa yokuba engumntu oyithandayo imingeni wazibona sele ethe dyulukudu engumdanisi. UOdwa ukwahlaba ikhwelo lokuba maziphele iingcinga zokuba abantwana abangamakhwenkwe abadanisayo bageyi, uthi oko akunjalo, lo ngumdlalo uyafana neminye imidlalo, kumele abantwana abanomdla bathathe inxaxheba bangatyhafiswa sisini sabo.

Esitsho kananjalo ukuba kuvele amathuba awohlukeneyo kwiindawo eziliqela esebenza njengomdanisi.

Uchithe iinyanga ezintandathu phesheya kweelwandle egxile kumdaniso weBallet.

Uthi kwimihla yanamhlanje nalapho abantu abangamadoda bexhaphaza amanina unqwenela ukuba bafunde ngezomdaniso, bakwazi ukuba umntu wasetyhini uphathwa kakuhle akalilo igubu.

Ekwacebisa ukuba abazali mabangathinteli abantwana babo kwizinto abafuna ukuzenza, ingakumbi xa bengayityesheli imfundo.

“Iphupha lam lelokuba iballet dance ifane nje nebhola ekhatywayo ezilokishini zabantsundu kuba kuxhaphake ibhola kuphela, ezinye zezemidlalo azithathelwa ngqalelo,” utshilo uOdwa.