Umdla beboniswa iMy Vagina is Angry!

Abadlali bomdlalo weqonga obizwa ngokuthi My Vagina is Angry obuboniswa kuMnyhadala wobuGcisa eMakhandaumfanekiso: BHEKI RADEBE

MY Vagina is Angry – umdlalo weqonga otsale umdla kuMnyhadala wezobuGcisa kaZwelonke kwiSixeko seeNgcwele.

Lo mdlalo uboniswe iintsuku ezintandathu, kwaye kwiintsuku ezine ubugcwele uphuphumala ngababukeli abe befuna ukuzibonela okuqhubekayo.

Ungathini ukuba le nto ikunika ubomi iye iphinde ibulawule, kunjalonje ikutyhalele ezingxondorheni?

Kwi-My Vagina is Angry sibona ingxoxo engaphakathi ebomini bukaNtombizodwa Gumede othiwe mbende kukulawulwa lilungu lakhe langasese nelimtyhalela ukuba aziphindezele kubafana ababini awayethandana nabo.

I’solezwe libuze umbhali uPfarelo Mutheiwana ngemvelaphi yalo mdlalo.

“Lo mdlalo ndiwuthatha kumbongo endawubhalayo kwaye uMy Vagina is Angry ndimcaphule apho njengoyena mgca owawugqamile kuwo,” kutsho lo mbhali.

UMutheiwana uthi lo mdlalo usifundisa ukuba ebomini nawaphi na amava esiwafumanayo, emabi okanye emahle, iinkumbulo zawo zihlala kuwe. “Iyafana nezigqibo esizenzayo ngamalungu wethu angasese,” utshilo.

Eli gqiyazana lithi lothukile yinkxaso abayifumeneyo kulo mnyhadala.

“Kwimidlalo emithandathu, emine ibigcwele ngababukeli. Siqinisekile ukuba sichukumise abaninzi ngeli bali,” utshilo.

Abadlali eqongeni baquka uNkosana Sarelwa, Pfarelo Mutheiwana, Thabo Malete noSphiwe Phiri.

Lo mdlalo uza kuboniswa kwizixeko ezifana neBhayi, Bloemfontein neRhawuti.