Umdlali weMuvhango uphinde walizwa ngosana!

UMona Monyane owaziwa njengoDr Nthabeleng kwiMuvhango UMFANEKISO: Facebook

KWAKHONA! Umdlali kamabonakude uMona Monyane nowakwakhe
okwangumdlali odumileyo uKhulu Skenjana baphinde bangabazali.

UMonyane, owaziwa njengoGqr. Nthabeleng
kwiMuvhango ubhengeze kwikhasi lakhe leTwitter kwiiyure ezidlulileyo ukuba
intombi yakhe yesibini igaleleke ngenjikalanga yayizolo.

 Lo mdlali, okwadlale nakumboniso bhanya-bhanya wegqala
lomzabalazo uSolomon Mahlangu uKalushi, kudala ebala iiveki zokugaleleka
kwentombi yakhe yesibini uAmani – Amaza WamaZulu, oza emva kwentombi yakhe
ayifumene ebutsheni bonyaka ophelileyo uAhadi.

UMona uthi intombi yakhe igaleleke ngo-18: 52pm
ngenjikalanga yayizolo (16 November 2017). Le nzwakazi ikhethe ukubelekela ekhayeni nanjengoko yayenze njalo nakuqala.

 Sithi Halala kubo!