Umdlalo wefencing ubanga umdla eBhayi

Baqala ukuziqeqesha kwisithuba seenyanga ezingephi besebenzisa izixhobo zokudlala ifencing abazibolekiweyo.

Kungokunje, iMotherwell Fencing Club ikulungele ukuthabatha inxaxheba kwimidlalo kazwelonke. Ifencing ngumdlalo apho isibini sithi sisebenzise izikhali benyolana ukuze lowo ufike kuqala komnye esikhumbeni avuzwe ngamanqaku.

Iingcambu zalomdlalo zisekelwe kwimbali yamaGrike ne Olimpiki, ncakasana icandelo elibizwa ngokuba yi pentathlon elibandakanya ukutsityiswa kwamahashe, ukudubula ngepsitoli, ukubaleka kwakunye nokuqubha.

Isikhali esisetyenziswa apha sibizwa ngokuba yi epee – umkhonto onobude kodwa ungebukhali.

Umdlali wefencing uAmbesa Mgijima ominyaka ingama 28 waqalisa iqela iMotherwell Fencing Club esebenzisa igaraji yakowabo njengendawo yokuziqeqesha eBhayi kunyaka ophelelileyo kweyomdumba.

Ukusukela ngoko landile inani labadlali abathe bazimanya neliqela, kukho amakhwenkwana aminyaka ephakathi kweshumi neshumili elinesithathu kwaye sele ephumelele iimbasa kwimidlalo ebibanjelwe eMangaung.

UMgijima ungomnye wabadlali abaphambili kwele Mpuma Koloni kwaye ubekwa kwindawo yamashumi amathathu ananye kuluhlu lwabadlali boMzantsi Afrika.

Uqale ukudlala lomdlalo ngowe 2014 ngethuba wayesenza izifundo zokhenketho edyunivesithi emva kokuba edibene no Zola Hlazi, ongumdlali wokuqala ngqa ontsundu ukuthatha inxaxheba kwi fencing.

Ufumene uqeqesho kuHlazi waza emva koko waya kuvusa iqela le fencing eJeffreys Bay phambi kokuba aqalise eliqela akulo ngoku.

“Iphupha lam lelokuba ndivuselele umdla kulutsha lwasekhaya. Ndivuya kakhulu xa ndibona iziphumo ezinje ngelithutyana sisandula ukuqalisa. Ndithanda kakhulu xa ndibona abantwana bewonwabele lomdlalo,” utsho uMgijima.

Ithe xa iMotherwell Fencing Club ikhula uMgijima wafumana inkxaso kwinqununu yesikolo esikufuphi nekhaya lakhe iVezubuhle Primary School nalapho wanikwa igumbi lokuqeqeshela, baye besebenzise iiyure ezimbini rhoqo ngemiGqibelo nange Cawe.

Xa igumbi lingafumaneki amalungu aye aziqeqeshele esitratweni – nto leyo iye itsale umdla kubantu abadlula ngendlela.

“Akukho nto ndinokubanika yona ngaphandle kwale ababantwana.Abazali babo bonwaba gqitha xa bebona indlela lomdlalo otshintshe izimilo zabo ngayo,” utshilo.

UMgijima unqwenela ukuba abadlali bakhe batyelele amazwe ngamazwe njengoko nabo benzayo kwixa elingaphambili.

Omnye wabadlali uMusa Banca, ominyaka elishumi elinesibini, ungomnye wamalungu eMotherwell Fencing Club team othe waphumelela indondo kwimidlalo yengingqi ebibanjelwe edolophini eBhayi kutshanje.

“Ndibawela ukufumana amathuba amaninzi kulomdlalo kwaye ndifuna ukudlala kwitumente ezininzi. Ndiyazi andisayi ukuyiphumelela yonke imidlalo yam,”utsho. Omnye ofumene indondo ngu Athandile Nthuthela ominyaka elishumi.

“Ndiwuthanda gqitha lomdlalo. Kunyaka wokuqala ndandinoloyiko kakhulu.Kwakukho intwana engu Owen kwenye itumente, ndandiyoyika kodwa ndaphela ndiyibetha ngamanqaku,” uAthandile utsho ngoncumo lukablankethe. UMgijima uthi wayengaqinisekanga ukuba ifencing ingathandwa eMotherwell.

“Ndandisenza nje ndifuna ukuba lomdlalo ungaphila na elokishini.Ndithe ndakubona indlela eyamkelwe ngayo ndaqonda ukuba lomdlalo ungakhula. Kulonyaka ndizakwenza ngakumbi ukuqinesekisa ukuba sikhula ngakumbi,” uhambisa atsho uMgijima.

Kulonyaka ngeyeKhala eliqela lizakube lithatha inxaxheba okokuqala kwimidlalo kazwelonke kwaye umqeqeshi unikele onke amandla ekuqinisekiseni ukuba elithuba liyakufika abadlali bakhe bekwimo elungileyo.

“Qho xa ndifumene usuku emsebenzi ndiyaqinseka ukauba ndiyabaqokelela sisebenze, sibonisane amaqhinga empumelelo,” utsho uMgijima.

Ngethuba beziqeqesha kugaleleke owayesakuba yintshatsheli ye pentathlon izihlandlo ezintathu uJessica Raper ezo kubanika inkxaso efana neemaski zokugqubuthela ubuso kwakunye neempahla zokkhuseleko wasele ebanike neengcebiso ezingakumbi. URaper ukwangumlawuli we Excelsior Fencing Club ezinze embindini wesixeko ebhayi.

Iimpahla zabo zokudlala zinkulu kubo kuba zenzelwa abantu abadala. “Sifuna abaxhasi abanokuthi bancedisane ne Motherwell Fencing Club.

Impahla yomdlali ngamnye ixabisa imali eyi R3 200. Lempahla yomelele kakhulu, umdlali usenakho ukuphisa ngayo komnye xa efuna. Sicela inkxaso mawethu,”utshilo uRaper.

Eliqela lidinga okuninzi – isixhobo sombane sokuqhagamshelisa i-epee lomkhonto unobude osetyenziwa ekunyolaneni.Kodwa ezinye izinto bayazibolekwa yi Excelsior Club maxa wambi.- Elibali belipapashwe ngu Newframe.