Umdlalo weGalaxy neSundowns umisiwe ngenxa yengozi

Ibhasi yeqela leTS Galaxy emva kwengozi.

Umdlalo obumelezeka udlalwa namhlanje ngorhatya phakathi kweMamelodi Sundowns neTS Galaxy umisiwe ngenxa yengozi esube umphefumlo.

Ibhasi ebithwele abadlali beqela leGalaxy iye yangqubana nemoto yohlobo lweVolkswagen Polo, okubangele ukuba kubhubhe umqhubi wePolo. Le ngozi yenzeke besendleleni eya eMbombela Stadium ngoLwesibini.

Imoto yePolo ebandakanyeke kule ngozi apho kuye kwabhubha umqhubi wayo.

IPSL iqinisekise ukuba uhlehlisiwe lo mdlalo.

“IPSL idlulisa inkxaso yayo kwiTS Galaxy ngeli xesha linzima. Siyalivuma ifuthe lesi sigqibo kubo bonke abachaphazelekayo kwaye siyaxolisa ngokungazenzisiyo ngayo nayiphi na inkxamleko ethe yabakho,” itshilo ingxelo yePSL.

Akukho mdlali okanye nabani na obekwibhasi yeqela leTS Galaxy owenzakeleyo.

Umhla womdlalo phakathi kwala macala mabini awukabhengezwa.