Umdlalo weqonga ojolise kubafundi bakaGrade 12

Iqumrhu elizimeleyo iYouth Quake libambisene nesebe lezemfundo eMatatiele, liphume ngendlu ladela ingqele liyokuqhuba iprojekthi entsuku-ne yokufundisa nokukhuthaza abafundi bebanga leshumi ngomdlalo weqonga.

IYouth Quake, nejonge ukubhiyozela iminyaka engamashumi amabini kulo uzayo unyaka, iluthabathele kuyo uxanduva lokuncedisa abafundi kwiinzame zokonyusa izinga leziphumo zebanga leshumi.

Lo mdlalo weqonga ujoliswe ekunikeni ulwazi ngoko kulindelekileyo xa umntu engena eyunivesithi, uze ngaxesha-linye ulumkise ngobungozi bokuzimanya namaqela angakhiyo kunye nobungozi beziyobisi.

Le projekthi, neqhutywa qho ngexesha lezifundo zobusika ukusuka kunyaka ka2012, yazenzela isivumelwano sentsebenziswano namaqela ahluka-hlukeneyo aquka uWholesale and Retail SETA (W&R SETA), Manufacturing Engeneering and Related services (MerSETA),  undlu-nkulu wesebe lezemfundo eRhawutini nelaseMatatiele, elikwalilo elibabonelela ngenkxaso emandla.

Ekusungulweni kwale nkqubo, indawo yaseMatatiele, iMount Fletcher kunye neBizana zathi zawelwa ngumqa esandleni ngokuthi zityunjwe njengezona zizakuxhamla tanci kuyo.

Kweli tyeli kuxhamle izikolo ezingaphezulu kweshumi elinesibini zale mimandla eziquka iMaria Zell, iTholang, iKhanya Naledi, iMagadla, Mosa Sibi, Bergview College, St Margate nezinye.

Ongumhleli weenkqubo zemfundo eMatatiele uMnu. Sidima Ntloko uthe, olu uhlobo lwemfundiso yinto engazanga yabonwa luluntu lwalo mmandla, watsho esenza umbulelo ongazenzisiyo kubasunguli bayo.

 “Nangona kule mihla umdlalo weqonga ungeyonto ithathelwa ngqalelo lulutsha, kodwa lo ubagcina beme ngeenzwane lonke ixesha ababukeli, akukhathaliseki nokuba bawubukela okwesingaphi. Kule minyaka mihlanu idlulileyo amaqondo empumelelo yebanga leshumi iphucuke ngendlela emangalisayo ngenxa yezinzame zeli qela kwaye inkitha yabafundi ifumana ithuba lokuxhamla kwimfundo enomsila minyaka le, ngenxa yale ntshukumo yolutsha. Ngaphezulu kwayo yonke into abafundi bebanga leshumi bakhuthazwa kukuyazi ukuba abalingisi aba baphuma phantse kuwo onke amaziko emfundo ephakamileyo endingakhankanya kuwo iYunivesithi yaseFort Hare, eyaseThekwini, iWits, iCape Peninsula, iWalter Sisulu, eyaseFrestata, eyaseJohanesburg, iNelson Mandela Bay, eTshwane kunye nezithwala-ndwe noosomashishini abaphume izandla.”

Phakathi kwezinto ezithwebule umdla wabaninzi kwezintsuku zine, ukusuka kumhla we9 ukuya kowe13 yinkuthazo eyenziwe nguGqirha uSiphosoxolo Ngodwana oxelenga kwisibhedlele iKing Edward eThekwini, apho ebelumkisa ngokusetyenziswa kweziyobisi nokwabelana ngesondo ebutsheni, ingcombolo ethe vetshe ngokubhalisela inkxaso-mali yokufunda ebisenziwa kuGqirha Patoni Modau osuka kwiMerSETA. 

Ongumphathi weYouth Quake kuzwelonke uMnu. uLoyiso Sidlayiya uthe, eli qela limanyaniswe yimithandazo kunye nenkxaso evela kulutsha lwebandla iBurning Bush Ministries eyazala le ntshukumo yolutsha, kwaye ngaphandle kwenkxaso evela kwisebe lezemfundo bekungenokubakho nto bebengayenzayo. 

Udlulise ngelithi, “Sinethemba lokufikelela kwiilali zonke zeli phondo kungekudala, sinikeza ithemba kwaye sincedisa abafundi ukuze baphumelele emagqabini kwaye bangene kumaziko ezemfundo ephakamileyo. Nangona kunjalo ke, izicwangciso esinazo zeshumi leminyaka kukufikelela nakwezinya izikolo zoMzantsi Africa uphela. Lomsebenzi umkhulu kangaka ayongcingane nentsebenzo yomntu omnye kodwa yingqokelela yeembono zabantu abanombono omnye, abathi bancama ixesha labo bazinikela ekuphuhliseni uluntu oluntsundu”.

Ongumqambi nomhleli walo mdlalo weqonga, uSibulele Phango kudliwano-ndlebe labucala ne- I’solezwe uthe, lo mdlalo awusekelezelwanga kuphela ekulinganiseni, kodwa ukwaquka imidaniso kunye nemibongo eyenziwa ngolwimi lwasemzini, isiNgesi kunye nolwimi lweenkobe, isiXhosa. 

Woleke ngelithi, “Lo mdlalo uchuba ubomi benkwenkwana esuka kwilali yaseQoboqobo eMpuma Koloni enguMncedisi (Ncanes) eyokufunda kwiYunivesithi yaseJohannesburg, apho ithi izimanye neqela loongantweni abayiphembelela ekusebenziseni iziyobisi nokulahla imbo ngenxa yolonwabo lwethutyana, umlinganisi oyintloko nguCwenga Gogodla. 

Kwiingxingo neenkxwaleko zonke adibene nazo, uphela ekhalela ixesha alichithe engumqwebedu aze akhumbule iimfundiso zikanina odlalwa nguAndiswa Mzinyathi. Ekuzisoleni kwalo eli gatyana lomfana lizimanya neqela leYouth Quake elilelinye lamaqela aziwayo kwela ziko lezemfundo, waza wafumana ithuba lokuguqula ubomi bakhe.”

OkaSidlayiya uthe, “Inkitha yabafundi sele ifumene ithuba lokuqhagamshelana ngqo nala maziko ezemfundo, abanye bayaqhubekeka benxibelelana neli qela befuna  iingcebiso ngezifundo abanokuzilandela “.