Umdlalo wokunqanda iGBV

Xa Bekutheni? Lo ngumdlalo weqonga wabafundi abenza ezobugcisa kwiYunivesithi iFort Hare eMonti, iUFH Drama Society, ibambisene neStart Art Creative, abasuswe ziziganeko ezimasikizi zokubulawa ngokungenalusini kwababhinqileyo.

Abadlali bomdlalo weqonga othi Xa Bekutheni? Lo ngumdlalo weqonga wabafundi abenza ezobugcisa kwiYunivesithi iFort Hare eMonti, iUFH Drama Society, ibambisene neStart Art Creative, Lomdlalo ububoniswa e Guild Theatre eMonti . Umfanekiso: BHEKI RADEBE

Umvelisi nokwangumlawuli weUFH Drama Society, uYanga Mabetshe, uthi olu luhlobo abanwenwisa ngalo umyalezo eluntwini ngaphandle, kwanohlobo lokuvakalisa ilizwi labo kwabangamaxhoba kwanakwabo bathe gqolo ukuxhaphaza ababhinqileyo.

“Lo mdlalo uyimfundiso malunga nezehlo zeGBV ezenzeka kwiindawo zethu zokuhlala. Emva kwesehlo somfundi waseUFH uNosicelo Mtebeni, ilizwe laye lanxunguphala sesi sehlo, nakuthi bafundi kwakubi, kungoko siphakamile senza lo mdlalo uyelelene nesa sehlo kuba sifuna ukunwenwisa ilizwi eluntwini kwanokuziphilisa imiphefumlo.

“Lo mdlalo uyimfundiso kwabaninzi nesikholelwa ukuba utshintsho lungakho. Sikholelwa ukuba iqala emva ekhaya ekukhuleni into yeGBV, kumntwana de abemdala, aphele ezilwela kubantu abangenzanga nto kuye,” utshilo uMabetshe.

UMalibongwe Lefty Madyo ongumncedisi kweli bali nokwangumdlali naye, uthi nabo bengabadlali ngokulinganisa kuye kubafundise nangakumbi ngezenzo zeGBV.

“Lo mdlalo ukhawulelana nathi madoda. Ukubayinxalenye nalo mdlalo kuyandikhulisa kwaye kundifundisa nakobam ubudlelwane endikubo kuba akukho lula ukumsa isandla endincuma naye, ukuthetha sisombulule iingxaki ngundoqo,” utshilo uMadyo.

Umdlalo lo ubudlalwa eqongeni ngoMvulo eGuild Theatre eMonti.

Ibali eli lithi Xa Bekutheni limalunga nentombazana edibene nomfana bathandana, ntombazana leyo iye yamane ifuna yonke into ibona abanye, ikrexe labe lisokola lingenamali nto eyenze kwaqala iingxaki zomsindo kwatsho kwakhula ukuxhaphazana, krexe elo liphele libulala isithandwa salo.

Abadlali nguNelisiwe Jonas, Buhle Jack, Zoliswa Mfiniso, Anathi Phandle, Somikazi Tshalanga.