Umdliva wolonwabo Ebubeleni eBhayi

Celeste Ntuli

Uqabela ngaphaya kweentsuku ezintathu kulo unyaka umnyhadala waseBhayi, iEbubeleni Music Festival, nozakube ingunyaka wawo wesixhenxe uqhuba.

Lo mnyhadala uzakubanjelwa kwibala lezemidlalo iNelson Mandela Bay.

Kwezi ntsuku zintathu zalo mnyhadala iyakube iyinkcubeko, umculo kuquka nenkqubo yamaqhula ahlekisayo.

Iinjongo kukutsala abakhenkethele eBhayi ekubeni bandise iintsuku zabo zeholide eNelson Mandela Bay.

Lo mnyhadala uzakube uqala ngoLwesihlanu, umhla wama-28 kule yoMnga uyokutsho ngomhla wama-30 – olona suku lukhulu.

NgoLwesihlanu izakuba lithuba labathandi beGqom kwakunye neHip-Hop ukusukela pha ngentsimbi yesine emini. Abalindeleke eqongeni ngolu suku ngabaziwa kakhulu lulutsha; ooNasty C, Emtee, Sjava kwakunye noNadia Nakai.

Ukanti kwiGqom kulindeleke oyinzalelwano yaseBhayi, uMoonchild Sanelly owaziwa ngengoma ethi ‘Nayi le Walk’, Heavy K, Naak Music, Tira, Dladla Mshunqisi, Tipcee noDJ Bongs.

Ngosuku olulandelayo izakuba lithuba lamaqhula akube ebolekisana ngeqonga eBoadwalk; uMpho Popps, Celeste Ntuli kwakunye namanye amaqhula aziwayo akube egigithekisa abantu.

Ngosuku olukhulu, umhla wama-30, iEbubeleni Music Festival izakonwabisa ngeemvumi ezifana nooZonke Dikana, Jonas Gwangwa, Ringo Madlingozi, Vusi Nova, Nathi, Busiswa, Amanda Black, Destruction Boyz, Naak Music kwakunye noHeavy K. Ukanti noluntu lasekuhlaleni luyaxhamla kulo mnyhadala nanjengoko benikwa amathuba okuba bathengise; ingakumbi abo banempepha-mvume zokwenza njalo.

Ongumlawuli wenkqubo, uMarc Mahambehlala, uthi kule minyaka mithandathu idlulileyo iEbubeleni ingathi iyazingca ngokuba ide yakhulisa uqoqosho lwaseNelson Mandela Bay kwaye yakhulisa nokhenketho njengoko kutyelela nabantu bezinye iidolophu kwanamaphondo eBhayi.

UMahambehlala uthi bazimisele kwaye bakwanika nethuba lokudala ingqesho kulutsha.

Amatikiti ayafumaneka eComputicket. Uwonkewonke yiR265 logama iVIP iyiR850.