Umdliva womculo egameni likaTambo

Umfanekiso:@GovernmentZA Twitter

 

Umdliva womculo weekwayala eMthatha egameni lika Oliver Reginald Tambo ngelinika imbeko kule ngadluma yenkokheli yaseAfrika nanjengoko kukhunjulwa iminyaka elikhulu wazalwayo.


 ISebe leMidlalo, uLonwabo neNkcubeko eMpuma Koloni liza kuba lidibanise eziphambili iikwayala zeli phondo zikhuphisana ngengoma egameni likaTambo. 


Ingxelo ithi u-Oliver Reginald Tambo wayengumqambi ekwangumculisi wekwayala kwizikolo ezifana neSt Peters, nanjengoko wakhe wasebenza khona njengomfundisi ntsapho. 


Othethe egameni leli sebe eMpuma Koloni uAndile Nduna, ulazi ngcono eli bali. ”NguMgqibelo neCawa umhla wamashumi amabini ananye, nomhla wamashumi amabini anesibini wale nyanga kwiholo yedolopu eMthatha, zizakuba zisikana ezikwayala egameni likaTambo,” uthethe watsho uNduna.


 Uthi zingamashumi amathathu anesihlanu iikwayala ezizakuba zitshintshiselana ngeqonga kulo mnyhadala womculo weekwayala.

 

IEzibeleni Talent Development Choir ebhexeshwa nguBongiwe Penxe izakube iphakathi kwezo zizakube zibonisa ubungcali bazo kumculo weekwayala. 


”Le kwayala ibikwikwayala ezintathu ebeziphume phambili kunyaka ophelileyo, ikwahamba phambili kwiminyhadala efana neMelting Port,” uthethe watsho uNduna. 


Ikwayala yodumo yaseMpuma Koloni uKhozi, olubhexeshwa nguDumisani Tembani,  kulindeleke ukuba ibe yinxalenye yezo ziza kwaphulana ngengoma. 


UMzantsi Afrika ukhumbula uTambo ngemibhiyozo eyahlukileyo kuzwelonke nanjengoko ebezakuba egqiba iminyaka elikhulu wazalwayo. 

UOliver Tambo wathabatha isikhundla sokukhokela umbutho weANC ezandleni zikaChief Albert Luthuli, waza wakhokela iminyaka engaphezu kwamashumi amathathu encame ubomi nosapho lwakhe.

 

“Iikwayala eziza kucula apha ziphuma kwizithili zonke zeMpuma Koloni emva kokhuphiswano obelushushu lwezithili ngelikhangela oompondo zihlanjiwe,” uthethe watsho uNduna. 


Oku konke kwandulela imibhiyozo ezakuba iqhutyelwa eNkantolo eMbizana ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe kule nyanga, itsho ingxelo.