KAPA:
Ukhala esimantshiyane uNonkululeko Apleni emva kokubulawa kwentombi yakhe lisoka layo kumatyotyombe aseSiyangena, ePhilippi East.
UApleni, ethetha neIi phephandaba, uthe intombi yakhe ibineminyaka engamashumi amabini ubudala idutyulwe yabulawa lisoka layo.
“Lo mfana akambulala nje ngokumdubula kuphela kodwa umfake ibhotile kwilungu langasese ze wamdubula, ndibuhlungu kakhulu kuba umntwana wam ubhubhe esezintlungwini.”
Lo kaApleni uqhube wathi umsolwa lo, ozibuleleyo, uthathe intombi yakhe kwiminyaka emihlanu egqithileyo wayokuhlala nayo apho ebeyivalela khona.
“Lo mfana wakhupha umntwana wam esikolweni ze wamenza ikhoboka kuba ebemvalela endlini embetha nokumbetha, ndisazibuza esona sizathu esinokumenza ambulale kabuhlungu kangaka ukuba sesiphi na,” utshilo uApleni.
Ekwavakalisa ukuba intombi yakhe ibibuyile ngeCawe yeveki ephelileyo nalapho ifike yabaxelela ukuba indlela ephethwe ngayo ngulo mfana sele ifuna inkosi imthathe khon’ukuze izokuphumla ekubethweni.
“Ngethuba ifike apha intombi yam yayiluhlaza umzimba wonke yimivimbo nanjengoko ibisixelela ukuba ibethwa nangomva wompu ngulo mfana, kwaye emva nje kokuba ifikile waye wafika lo mfana ezomthatha ngenkani nalapho ndathi xa ndimcenga ukuba ohlukane nentombi yam wandixelela ukuba uza kundilungisa ukuba ndiyamphazamisa endleleni yakhe,” utshilo uApleni.
Sele idutyulwa ibulawa nje intombi yakhe kuxa kudutyulwana phakathi kwalo mfana kunye namapolisa ebeyokugqogqa ityotyombe ebebehlala kulo, nalapho kuthiwa umfana udubule kuqala ejongise emapoliseni.
“Ndibuhlungu kakhulu kuba abantu abahlala kufutshane bathi basivile isikhalo somntwana wam ecela uncedo, kwaye esitsho ukuba uyafa, ngokuqinisekileyo kungeli xesha lo mfana enyanzela ibhotile kwilungu lakhe langasese,” utshilo uApleni.
Amapolisa ebeyokugqogqa imipu engekho mthethweni kwityotyombe lalo mfana.
Uqhube wathi umzimba wentombi yakhe kunye nesoka layo ufunyenwe ebhedini kwaye umpu usesandleni somfana.
“Ngekhulule umntwana wam ngethuba kufika amapolisa angamfaki ezintweni zakhe kuba ngoku ubonile ukuba akukho ndlela uzokuphelela ejele, wabona kungcono athathe ubomi bomntwana wam.”
Isithethi samapolisa aseNtshona Koloni uLieutenant Colonel Andre Traut, uthe amapolisa afumanise ukuba kukhona imipu engekho mthethweni kwityotyombe lomfi, nalapho athe xa efika amapolisa wadubula kuqala ejongise ngakuwo.
Kolo dubulwano kuye konzakala amapolisa amabini athe abalekiselwa esibhedlele.
“Ityotyombe elo liye larhangqwa ngamapolisa ngeenjongo zokubamba umfi, kodwa akwenzekanga oko nanjengoko ethe wadubula yena nentombi yakhe ngentsimbi yesibini ekuseni,” utshilo uTraut.
Watsho esithi kuvulwe ityala lokubulala nelokuzama ukubulala.
Kubanjwe abarhanelwa abangama84 kwisithili saseSarah Baartman