UMduduzi Manana ulivumile ityala

Obesakuba nguSekela Mphathiswa uMduduzi Manana ulivumile ityala lokubetha inkosikazi kwindawo yentselo eRhawutini UMFANEKISO OGCINIWEYO: MICHAEL PINYANA

Obesakuba nguSekela Mphathiswa kwisebe lemfundo ephakamileyo, uMduduzi Manana, ulivumile ityala lokubetha inkosikazi kwindawo yentselo eRhawutini kwinyanga ephelileyo.

UManana, owafaka ileta yokushiya emsebenzini wakhe njengoSekela Mphathiswa kulandela isehlo sokunkula inkosikazi kwindawo yentselo iCubana eFourways, ebevele kwinkundla kamantyi eRandburg ngentseni yanamhlanje apho athe walivuma eli tyala.

Ukuvuma kwakhe ityala kuthetha ukuba uzakulindela isigwebo kumantyi wenkundla, ekungekacaci ukuba siza kuwiswa nini.

Le mbambano kaManana, kutyholeka ukuba yayiphenjelelwe ngumba wogqatso lobuMongameli kwiANC apho uManana kuvakala ukuba wayengavisisani nenkosikazi egama linguMandisa Duma.
 
Kukwatyholeka ukuba uManana wacatshukiswa yinto yokuba uDuma embize ukuba yigeyi. Kulapho waqala ngokuyitshuxa le nkosikazi apho kuthwa wayibetha yayokuwa phantsi ekwamtsala nangeenwele.