UMene ukukhalimele ukubulawa kwepolisa phambi kwendlu yalo

Ipolisa lidutyulwe labulawa phambi kwendlu yalo. Umfanekiso: SAPS

Ipolisa elineminyaka engamashumi amahlanu anesibhozo (58) elalisebenza kwicandelo lokubiwa kwemfuyo kunye nezilwanyana ezisemngciphekweni wokuphela lidutyulwe labhubha phambi kwendlu yalo KwaMabefu ngaphandle kwaseQonce.

UMkomishinala wamaPolisa eMpuma Koloni, uLieutenant General Nomthetheleli Mene, ukugxekile uhlaselo lwamapolisa kwaye uvakalise ukungonwabi nomothuko wakhe akuva ukuba eli polisa lidutyulwe phambi kwekhaya lalo ngoMgqibelo umhla we30 kuNovemba 2024 ngecala emva kwentsimbi yesibhozo ebusuku.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa, uLieutenant Colonel Siphokazi Mawisa, eli polisa lidutyulwe ngumntu ongaziwayo oxhobileyo okanye abantu.

“Ukufika kwamapolisa kwindawo yexhwayelo, baboniswa umzimba wakhe unenxeba lokudutyulwa entloko. Xa bephanda, baqaphela ukuba akukho nto ithathwe kwizinto zeli polisa, kwaye imoto yalo ibikwindawo yexhwayelo.

“Isizathu sokubulawa kwakhe asikaziwa kwaye siza kuba yinxalenye yophando. Ityala lidluliselwe kooKhetshe ukuze baqhube uphando,” utshilo uMawisa.

UMkomishinala wePhondo, uLieutenant General Mene, uthe uhlaselo lwepolisa luhlaselo kumagunya ombuso, kwaye oko akusokuze kunyanyezelwe.

UMene ukhuthaza uluntu ukuba luncedise amagosa aphandayo ngolwazi olunokukhokelela ekubanjweni komenzi wobubi okanye abenzi bobubi.

“Sidlulisa uvelwano lwethu olunzulu kusapho lwelungu noogxa bakhe, wanga umphefumlo wakhe ungaphumla ngoxolo,” utshilo uMene.