Umfama omtsha ukwindlela eya empumelelweni

Umlimi osakhulayo uSiphesihle Kwetana waseCofimvaba

Umfama ozamazamayo uSiphesihle Kwetana waseCofimvaba uzakhela ikamva eliqaqambileyo kwezolimo.

UKwetana ominyaka engamashumi amabini anesithandathu, ungumseki weSiphe Development and Capacitation Agency, nalapho avelisa imifuno entlobontlobo efana nespinatshi, ikhaphetshu, ilettuce, ibroccoli kunye neendidi ezintathu zepepile, iminqathe kunye nezinye.

“Emva kokuphumelela ibanga leshumi ngonyaka ka2013, ndagqiba kwelokuba mandenze umzamo wokuziphilisa njengoko ndiphuma kwikhaya elingathathi ntweni njengamntu wonke kwidolophu endisuka kuyo. Okunye okwandichaphazelayo yayikukuba zange ndenze kakuhle esikolweni ndaqonda ukuba kungcono ndizenzele icebo lokuziphilisa,” ucacise watsho uSiphesihle.

Ekuqaleni wenze amatiletile okuthengisa ukutya enephupha lokuzivulela indlu yokudlela, kodwa ngelishwa elo phupha lafa namthanyana njengoko wafumanisa kunzima ukurhweba.

Emva koko waqaphela ukuba kukho isikhewu kwezolimo ephondweni njengoko ebone ukuba bambalwa abantu abantsundu abashishinayo, utshintshe umqondo wakhe ekuthengiseni ukutya waza wacinga ngokuvelisa kona.

Ngowe2014, uSiphesihle ubhalise ishishini lakhe ngokusemthethweni waze wazifumanela iihektare zomhlaba ezingama85 kuQumbu ngesivumelwano semboleko norhulumente.

“Ngelo xesha ndandinamashumi amabini eminyaka kuphela kwaye akukho mntu wayekholelwa ukuba ndingenza lo msebenzi ingakumbi kuba ndingowesifazana. Ngoko ndasebenzisa iihektare ezimbini kuphela,” utshilo.

Ethubeni umsebenzi wakhe wanda kungokunje usebenzisa iihektare ezilishumi elinesihlanu kwaye uqeshe abasebenzi abahlanu ngokusisigxina, aze aphinde abenabo abanye abalishumi elinesihlanu abangxungxileyo.

Uthi njengokuba engumntu obhinqileyo udibana neengxaki ezininzi kodwa uyakwazi ukujamelana nazo ngenxa yokuba umnqweno wakhe kukuzibona ephumelela.

Umnqweno wakhe ubonakala usiba yinzuzo ngoku kuba uSiphesihle unikwe ithuba lokuthengisela iivenkile ezinkulu ezifana nooSpar, Pick * Pay, Food Lovers Market no-Ideal Veg imifuno kuzo zonke iidolophu ezisephondweni.

Uye athengise imifuno nakwiivenkile zasekuhlaleni. Ngenxa yeziqhamo zemisebenzi yakhe, uSiphesihle uye wawongwa njengomfamakazi oyiTop Entrepreneur kwiimbasa ezikhutshwe licandelo leSebe lezoLimo, amaHlathi nezeeLwandle kunyaka ka2019.

Le nzwakazi ithi ingathanda ukubona amanye amakhosikazi edlala indima kwezolimo kwaye uzimisele ukuncedisa ekuqeqesheni abanye bangene kurhwebo lwemveliso.