Umfama ‘udubule wabulala’ umntu esingcwabeni

UVELE kancinane nje kwinkundla kamantyi waseMshwathi KwaZulu Natal umfama waseCramond emva kokubanjwa kule veki kulandela izityholo zokuba “udubule wabulala” umhlali wakwifama yakhe kuba ephikisana nokungcwatywa kwesihlobo salo mfi kwifama yakhe.

UClive Solomon (66) odume ngelikaMahewu uvele enkundleni ngoLwesibini, ze ityala lahlehliselwa uLwesibini weveki ezayo.

USolomon utyholwa ngokudubula uMothi Ngubane (42) ngoMgqibelo emngcwabeni welungu losapho lakwaLembede ebelihlala kule fama.

Usapho lakwaLembede, beluhlala e-Ottos Bluff Farm ngethuba lo kaSolomon eyithenga le fama ngeminyaka yoo1990.

Kuthe kwakubakho umphanga uSolomon waxelela olu sapho ukuba lingakhe lingcwabe ilungu lalo kwifama yakhe, ze wabe kanti uyahlehliswa umngcwabo.

Usapho lwagqiba ngokungcwaba ngolunye usuku, phantsi kweliso lamapolisa.

USolomon kuthiwa ufike sele ungcwatyiwe umzimba wakwaLembede, kwabe kukho ilungu losapho ebelisengcwabeni, wabe sele ebaxelela ukuba mabahambe kuba akafuni bantu kwifama yakhe.

Unokrawuzane ohlebele eli phephandaba uthe: “UMahewu wayefuna ukudubula umntu owayengasengcwabeni. Wakhomba umpu phaya engcwabeni kodwa waphazanyiswa ngumfi [Ngubane], yabe kanti imbumbulu ayifikeleli apho ibijoliswe khona.”

“Emva koko wajolisa imbumbulu kumfi [Ngubane], wamdubula kathathu, emva koko waphela enyanyeni ngemoto,” kutsho lo nokrawuzane.

UGcino Shabalala weLandless People Movement eMidlands uthe isiganeko siphazamisa iinkqubo zoxolo phakathi kwabantu abahlala ezifama kwanabo bamhlophe.