Umfamakazi ophum’ izandla uwongiwe

Zange nakanye ayicinge into yokuba ngenye imini angaqatshelwa njengomfama ophezulu, kodwa kutshanje uNokwanda Booi uwongwe njengoyena malusi ulungileyo kwisithili saseMbhashe.

UBooi, ominyaka ingamashumi amahlanu, uphumelele ukhuphiswano lokukhulisa iinkunzi zegusha olwaziwa ngokuba yiMbhashe Local Municipality Ram Competition.

UBooi uthi uzondla ngeproteni exutywe nombona ograyiweyo iinkunzi zegusha zakhe zodidi.

“Inkunzi yam yeyohlobo olugudileyo kunezinye ezifumaneka kule lali ngenxa yokuba itya ngokwahlukileyo kuzo,” usixelela atsho uBooi ongumhlali waseZundwane eDutywa.

UBooi, nobe nguye kuphela ibhinqa elingenele olu khuphiswano, uwongwe ngokuphiwa inkunzi yegusha eluhlobo lweDohne Merino, ukutya namayeza egusha.

Ungenele olu khuphiswano emva kokuba amagosa eSebe loPhuhliso lwaMaphandle noHlengahlengiso loMhlaba athi atyelela le ngingqi, athela thsuphe amafama alapho ngolu khuphiswano.

UBooi, nowaqala ngo2016 ukubangumfama uthi: “Ndandiqala ukungenela ukhuphiswano kwaye ndandingajonganga nakuphumelela tu phakathi kwamadoda.”

Olu khuphiswano luqaliswe ngamafama eegusha asekuhlaleni ngelokukhuthazana ekubeni akhulise iinkunzi zegusha zodidi.

Uthi yena le nkunzi yakhe uyithenge ngoTshazimpuzi ka2020 kwaye sele inamathole alishumi kungoku nje, nto leyo yenza iqondo lomhlambi wakhe libe kwinqanaba eliphezulu ngenxa yokuba uvelisa ubisi noboya obusemgangathweni aze afumane ingeniso encomekayo.

UBooi ulebela ngelithi ukuzibandakanya kwakhe nokufuya iigusha kubutshintshile ubomi bakhe kuba ngoku uyakwazi ukondla usapho lwakhe.

USodolophu waseMbhashe, uSamkelo Janda, uthe kubalulekile ukuba amafama asekuhlaleni abe nendima ebonakalayo kuqoqosho lwasemaphandleni.

“Sifuna ukuthatha ezolimo sizibeke embindini wezoqoqosho nophuhliso sileli bhunga laseMbhashe,” utshilo Janda.

Olu khuphiswano lubanjwa kanye ngonyaka ngenyanga yoMdumba. Amafama angathanda ukungenela okanye ukwazi ngokuthe vetshe kufanele atyelele iiofisi zakwaDRDAR okanye amagosa ale ofisi akufuphi nawo.

Kungenjalo angatyelela umnatha wewebhusayithi kwa: www.drdar.gov.za okanye bafowunele iofisi yakwa DRDAR kwinombolo engu: 0800 203 025.