Umfana (16) ubanjelwe ukudlwengula intwazana (6)

Umfana oneminyaka elishumi elinesithandathu (16) ubudala uvele enkundleni ngezityholo zokudlwengula nokubetha intwazana eneminyaka emithandathu (6) ubudala KwaZulu-Natal. Lo mfana kuthiwa ukwayanyaniswa nolunye uhlaselo lwentwazana, umzimba wayo wafunyanwa ngasemlanjeni.

NgoMvulo, uMphathiswa weSebe loPhuhliso loLuntu KwaZulu-Natal, uMbali Shinga, ebekho enkundleni apho ebecele ukuzola emva koqhankqalazo obelungaphandle kwenkundla yaseMzumbe.

Kutyholwa ukuba lo mfana uhlasele umntwana oneminyaka emithandathu ubudala xa wayegoduka evela esikolweni.

Kwingxelo, isebe lithe lo mfana udlwengule wayibetha le ntwazana, wayishiya ecinga ukuba ibhubhile.

Eli tyala belichotshelwe bucala nguMantyi uLouwrens kwakunye nomtshutshisi wombuso uAsanda Madlala noMphathiswa uShinga, iintsapho ezibandakanyekayo nabanye abantu abachaphazelekayo.

Umtyholwa ujongene nezityholo zokuxhwila, ukuzama ukubulala, ukuxhaphaza ngokwesondo nokubulala. Umrhanelwa ugcinwe eluvalelweni kwaye uzakuvela enkundleni ngomhla wamashumi amabini anesithoba (29) kweyeKhala.

Kusenjalo, lo mfana kutyholwa ukuba uyayanyaniswa nokubulawa kukaSinethemba Ngcece Sibiya oneminyaka esibhozo ubudala. USinethemba waxelwa njengolahlekileyo kwaye umzimba wakhe wafunyanwa emva kweentsuku sele wonakele kufutshane nomlambo wasekuhlaleni.

Emva komsindo wabahlali, uShinga ubhenele kubahlali ukuba bavumele inkqubo yenkundla yenzeke ngaphandle kokuphazamisa.

“Siyalubongoza uluntu lwethu ukuba luhlale luphaphile kwaye luqinisekise ukuba amalungelo abantwana akhuselekile ngamaxesha onke. NjengeSebe loPhuhliso loLuntu, siza kuxhasa uluntu ekunciphiseni ubundlobongela obusekelwe kwisini,” watsho uShinga.

Wongeze ngelithi ululeko ngokwasemphefumlweni kuyakuqhuba kwabo bachaphazelekayo kwaye iChildline nayo izakubeka iliso kwixhoba.

UMphathiswa uthe isebe lizakujongana neemfuno zomtyholwa kwaye linike inkxaso kusapho lwakhe.

Eli nqaku liqale lavela kwi-IOL.