Umfana udlwengule ixhegwazana

Kudlwengule ixhegwazana elinamashumi asixhenxe anesithandathu emva kokonwaba emgidini kwilali yaseMantlaneni kuGatyana ngempelaveki. Eli xhegwazana kubikwe ukuba lidlwengulwe ngumfana onamashumi amabini eminyaka ubudala.

Ixhoba libonwe lilele endleleni kude kufuphi nomzi lowo ubunomgidi.

“Kuyarhaneleka ukuba liye ladlwengulwa ngelothuba ixhoba eli. Lidlwengulwa ngulo mfana unamashumi amabini nokwangowelali yexhoba,” sitsho isithethi samapolisa aseGcuwa uKapteni Jackson Manatha.

UManatha uthi, abahlali bommandla waseMbhashe kudala belunyukiswa ngamapolisa aseGcuwa ekubeni mayivalwe kwangethuba imigidi baphume bagoduke abantu ukunqanda iziganeko zolwaphulo-mthetho ezifana nezi zokudlwengulwa kwabantu abadala, abantwana, ukubulawa kwanokuqhekezwa kwemizi.

Sithetha nje umrhanelwa lowo useseluvalelweni lwamapolisa de kufike usuku lakhe lokuvela phambi kwenkundla yamatyala yakuGatyana.

abongile.ginya@inl.co.za