Umfanekiso womfoti wethu uncumise ilizwe

Umfanekiso owathatyathwa nguPhando Jikelo eGrabouw

Obesakuba ngumfoti wephephandaba, I’solezwe, uPhandulwazi “Phando” Jikelo, ukwisihlanu soluhlu lwabokugqibela kumagqibela kankqoyi okhuphiswano lwabafoti abaselula kwihlabathi jikelele abajonge ibhasokazi kumsitho ozakubanjelwa eRussia.

La mawonga abafoti, phantsi kwe-Andrei Stenin International Press Photo Contest, aququzelelwa yiRossiya Segodnya phantsi kweemfefe zeCommission of the Russian Federation for Unesco.

UJikelo (32), oyinzalelwane yaseQonce, ngumfoti kwiAfrican News Agency (ANA) esebenzisana ne-Independent Media, kwaye sele ezuze iimbasa zambini kukhuphiswano lakwaVodacom ngethuba efotela iphepha I’solezwe lesiXhosa.

Umfanekiso othe wamqaqambisa ukuze abe kolu luhlu lokhuphiswano eRussia wawuthatha ngethuba ekwiCape Times encame ubomi bakhe ngokungena ade athi gabhu emlilweni phakathi kwabahlali ababebambe uqhankqalazo kummandla weefama zaseGrabouw kufuphi nedolophu yaseKapa.

Lo mfanekiso, obonisa indoda ijija phezu kwayo ivili elinedangatya, wabangundaba-mlonyeni kwilizwe liphela. Ebulela abantu abathe bamvotela, uJikelo uthe: “Ndibamba ngazo zozibini kuni nonke nina nithe nandivotela. Khange ndiyiqonde ukuba ndakude ndifikelele kwabahlanu bokugqibela kolu ukhuphiswano kwinginginya engaka ebendikhuphisana nayo.”

“Ndivuyela nenkxaso endiyifumana kuluntu kwanokuba umsebenzi wam unikwa ingqwalasela lihlabathi,” utshilo uJikelo.

Usihlalo we-Independent Media uGqirha Iqbal Surve uthi umsebenzi kaJikelo, emncinci enjalo ngokweminyaka, awunambaliso.

“Ukuchongwa kwakhe kula mawonga ehlabathi, kubonakalisa elubala isakhono sakhe esingummangaliso.”

Ngokwengxelo iAndrei Stenin International Press Photo Contest kukhuphiswano lalo unyaka ifumene amangenelo weemifanekiso engapha kwamawaka amahlanu kumazwe angamashumi asixhenxe anesithandathu (76).

Iziphumo zakubhengezwa ngomhla wesixhenxe kwinyanga yeThupha.

Amawonga bakuwanikezwa kwinyanga yoMsintsi kwakulo unyaka.

Ezakutsha kwimpumelelo kaJikelo uphinde wachongwa nayiStandard Bankkukhuphiswano oluzabubanjwa kwinyanga yeDwarha eGoli.