Umfazi kaMeyiwa angagqulwa

UNIKWE imvume yokuba angayivuma enye indoda xa imgqula lowo uyinkosikazi yowayengunozinti we-Orlando Pirates neBafana Bafana uSenzo Meyiwa owabhubha emva kokudutyulwa.

I’solezwe lesiXhosa live ukuba usapho lukaSenzo luceba ukwenzela uMandisa Mkhize, 25, onomntwana noMeyiwa, umcimbi wokumkhulula ekuzileleni indoda yakhe, eyabhubha kweyeDwarha ngo2014. Kulo lonke eli xesha, uMeyiwa ebezilile.

Othethela usapho lakwaMeyiwa, uJabulile Buthelezi, uxelele I’solezwe lesiXhosa ukuba usapho luceba ukwenza umsebenzi wokubuyisa uSenzo, emva koko benzele noMandisa isiko lokumcelela kuSenzo nakwizinyanya zakwaMeyiwa ukuba zimvumele aqhubeke nempilo avume xa kukho indoda emgqulayo ayithandayo futhi atshate xa kukho ithuba.

UButhelezi, uthe, eli lisiko elenziwayo xa inkosikazi ibhujelwe yindoda isencinane njengoMandisa.

Uthe, ibiyakuba kukumphatha kakubi xa bekungathiwa makangavumi enye indoda kuba noko “igazi lisaqhuma”.

UMandisa usuka eMlazi kodwa sezinze eGoli. Watshatwa nguSenzo, kumtshato wesiNtu.